Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

B1

Eyona Nto Ithetha Ngayo IBhayibhile

NguYehova uThixo ofanele alawule. Indlela alawula ngayo izogqitha zonke. Iza kwenzeka yonke into awayewudalele yona umhlaba nabantu.

Emva ko-4026 B.C.E.

“Inyoka” iyayiphikisa into yokuba nguYehova ofanele alawule, nendlela alawula ngayo. UYehova uthembisa ukuba uza kuvelisa “inzala,” okanye “imbewu,” eza kutyumza inyoka enguSathana. (Genesis 3:​1-5, 15, umbhalo osemazantsi) Kodwa ke, uYehova uyabayeka abantu ukuba bakhe bazilawule phantsi kukaSathana.

1943 B.C.E.

UYehova uxelela uAbraham ukuba “inzala” ethenjisiweyo iza kuphuma kwinzala yakhe.​​—Genesis 22:18.

Emva ko-1070 B.C.E.

UYehova uqinisekisa uKumkani uDavide, emva koko aqinisekise nonyana wakhe uSolomon ukuba “inzala” ethenjisiweyo iza kuvela kumnombo wabo.​—2 Samuweli 7:​12, 16; 1 Kumkani 9:​3-5; Isaya 9:​6, 7.

29 C.E.

UYehova uchaza ukuba uYesu ‘uyimbewu’ ethenjisiweyo eyiNdlalifa yetrone kaDavide.​—Galati 3:​16; Luka 1:​31-33; 3:​21, 22.

33 C.E.

Inyoka enguSathana, yenzakalisa “imbewu” ethenjisiweyo ngokubulala uYesu. UYehova uvusela uYesu ezulwini aze amkele nexabiso lobomi bukaYesu obugqibeleleyo, ukuze axolele izono aze anike nenzala ka-Adam ubomi obungunaphakade.​—Genesis 3:​15; IZenzo 2:​32-36; 1 Korinte 15:​21, 22.

Malunga no-1914 C.E.

UYesu uphosa inyoka enguSathana emhlabeni, ukuze ibe lapho okwexeshana.​​—ISityhilelo 12:​7-9, 12.

Ikamva

UYesu uvalela uSathana ejele iminyaka eyi-1 000 aze emva koko amtshabalalise, abe umtyumza intloko ngolo hlobo. Iyenzeka yonke into uYehova awayewudalele yona umhlaba nabantu, igama lakhe liyangcwaliswa kuze kucace nokuba indlela alawula ngayo yeyona ifanelekileyo.—ISityhilelo 20:​1-3, 10; 21:​3, 4.