UMBUZO 6
Yathini IBhayibhile NgoMesiya?
ISIPROFETO
“Nawe, Bhetelehem Efrata, . . . kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli.”
SIYENZEKA
“Emva kokuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaYuda ngemihla kaKumkani uHerode, kwafika eYerusalem abavumisi ngeenkwenkwezi bevela eMpuma.”
ISIPROFETO
“Zahlulelana ngezambatho zam, zenza amaqashiso ngeempahla zam.”
SIYENZEKA
“Emva kokuba ebethelele uYesu esibondeni, amajoni amane athatha izambatho zakhe zangaphezulu, abelana ngazo . . . Kodwa isambatho sangaphantsi sasingenamthungo, siphothiwe nje sonke ukusuka phezulu ukuya kutsho ezantsi. Ngoko athetha odwa esithi: ‘Masingasikrazuli, kodwa masenzeni amaqashiso sizokubona ukuba simele sibe sesikabani.’ ”
ISIPROFETO
“Ugada onke amathambo alo; akukho nalinye elaphuliweyo.”
SIYENZEKA
“Athi xa efika kuYesu, ambona ukuba wayesele efile, akabi sayophula eyakhe imilenze.”
ISIPROFETO
“Kodwa wahlatywa ngenxa yokungathobeli kwethu.”
SIYENZEKA
“Elinye ijoni lamhlaba ngomkhonto ecaleni, ngoko nangoko kwaphuma igazi namanzi.”
ISIPROFETO
“Bandibhatala umvuzo wam, amaqhosha esilivere ayi-30.”
SIYENZEKA
“Ngoko omnye wabapostile abayi-12, lo ubizwa ngokuba nguYudas Skariyoti, waya kubabingeleli abaziintloko wathi: ‘Niza kundinika ntoni ukuba ndimnikela kuni?’ Bathi baza kumnika amaqhosha esilivere ayi-30.”