UMBUZO 15
Ungenza Njani Ukuze Wonwabe?
“Kubhetele ukutya imifuno apho kukho uthando kunokutya inkomo etyetyisiweyo apho kukho inzondo.”
“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo, lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.”
“Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo.”
“Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”
“Baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”
“Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”
“Nokuba umntu unezinto ezininzi, ubomi bakhe abuxhomekekanga kwizinto anazo.”
“Ukuba sinokutya nento yokunxiba, masaneliswe zezo zinto.”
“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”