Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi YeGenesis

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • Kudalwa amazulu nomhlaba (1, 2)

    • Iintsuku ezintandathu zokulungiswa komhlaba (3-31)

      • Ngosuku 1: ukukhanya, imini nobusuku (3-5)

      • Ngosuku 2: isibhakabhaka (6-8)

      • Ngosuku 3: umhlaba owomileyo nezityalo (9-13)

      • Ngosuku 4: izikhanyiso esibhakabhakeni (14-19)

      • Ngosuku 5: iintlanzi neentaka (20-23)

      • Ngosuku 6: izilwanyana ezihlala emhlabeni nabantu (24-31)

  • 2

    • UThixo uyaphumla ngosuku lwesixhenxe (1-3)

    • UYehova uThixo, umdali wezulu nomhlaba (4)

    • Indoda nomfazi emyezweni wase-Eden (5-25)

      • Kwenziwa umntu ngothuli (7)

      • Umthi wokwazi emakungatyiwa kuwo (15-17)

      • Kudalwa umfazi (18-25)

  • 3

    • Apho saqala khona isono (1-13)

      • Ukuqalisa kobuxoki (4, 5)

    • UYehova ugweba aboni (14-24)

      • Kuprofetwa ngenzala yomfazi (15)

      • Abantu bayagxothwa e-Eden (23, 24)

  • 4

    • UKayin noAbheli (1-16)

    • Inzala kaKayin (17-24)

    • USete nonyana wakhe uEnoshi (25, 26)

  • 5

    • Ukusuka kuAdam ukuya kuNowa (1-32)

      • UAdam wazala oonyana neentombi (4)

      • UEnoki wahamba noThixo (21-24)

  • 6

    • Oonyana bakaThixo batshata iintombi zabantu (1-3)

    • Kuzalwa izigebenga (4)

    • UYehova uyakhathazeka zizinto ezimbi ezenziwa ngabantu (5-8)

    • UNowa uthunywa ukuba akhe umkhombe (9-16)

    • UThixo uthi kuza isikhukula (17-22)

  • 7

    • Kungenwa emkhombeni (1-10)

    • Isikhukula emhlabeni wonke (11-24)

  • 8

    • Amanzi esikhukula ayehla (1-14)

      • Kuthunywa ihobe (8-12)

    • Kuyaphunywa emkhombeni (15-19)

    • Isithembiso sikaThixo ngomhlaba (20-22)

  • 9

    • Imiyalelo eya kubo bonke abantu (1-7)

      • Umthetho ngegazi (4-6)

    • Isivumelwano somnyama (8-17)

    • Kuprofetwa ngenzala kaNowa (18-29)

  • 10

    • Iintlanga (1-32)

      • Inzala kaYafete (2-5)

      • Inzala kaHam (6-20)

        • UNimrodi ulwa uThixo (8-12)

      • Inzala kaShem (21-31)

  • 11

    • Inqaba yaseBhabheli (1-4)

    • UYehova uphixanisa ulwimi (5-9)

    • Ukusuka kuShem ukuya kuAbram (10-32)

      • Usapho lukaTera (27)

      • UAbram uyemka eUre (31)

  • 12

    • UAbram uyemka eHaran aye kwaKanan (1-9)

      • Isithembiso sikaThixo kuAbram (7)

    • UAbram noSarayi eYiputa (10-20)

  • 13

    • UAbram ubuyela kwaKanan (1-4)

    • UAbram noLote bayohlukana (5-13)

    • UThixo uyasiphinda isithembiso asenze kuAbram (14-18)

  • 14

    • UAbram usindisa uLote (1-16)

    • UMelkitsedeki usikelela uAbram (17-24)

  • 15

    • Isivumelwano sikaThixo noAbram (1-21)

      • Kuprofetwa ngeminyaka eyi-400 yengcinezelo (13)

      • UThixo uyasiphinda isithembiso asenze kuAbram (18-21)

  • 16

    • UHagare noIshmayeli (1-16)

  • 17

    • UAbraham uza kuba ngutata weentlanga ezininzi (1-8)

      • UAbram ubizwa ngokuba nguAbraham (5)

    • Isivumelwano sokoluka (9-14)

    • USarayi ubizwa ngokuba nguSara (15-17)

    • Bathenjiswa ngonyana onguIsake (18-27)

  • 18

    • UAbraham ufikelwa ziingelosi ezintathu (1-8)

    • USara uthenjiswa unyana, ahleke (9-15)

    • UAbraham ucengela iSodom (16-33)

  • 19

    • ULote ufikelwa ziingelosi (1-11)

    • ULote nentsapho yakhe baxelelwa ukuba bahambe (12-22)

    • Kutshatyalaliswa iSodom neGomora (23-29)

      • Umfazi kaLote ujika abe yintsika yetyiwa (26)

    • ULote neentombi zakhe (30-38)

      • Imvelaphi yamaMowabhi nama-Amoni (37, 38)

  • 20

    • USara usindiswa kuAbhimeleki (1-18)

  • 21

    • Ukuzalwa kukaIsake (1-7)

    • UIshmayeli untlonta uIsake (8, 9)

    • UHagare noIshmayeli bayagxothwa (10-21)

    • UAbraham wenza isivumelwano noAbhimeleki (22-34)

  • 22

    • UAbraham uxelelwa ukuba anikele ngoIsake (1-19)

      • Iintsikelelo eziza kubakho ngenxa yenzala ka-Abraham (15-18)

    • Intsapho yakuloRebheka (20-24)

  • 23

    • Ukufa kukaSara nendawo awangcwatyelwa kuyo (1-20)

  • 24

    • UIsake ufunelwa umfazi (1-58)

    • URebheka uya kuIsake (59-67)

  • 25

    • UAbraham uphinda atshate (1-6)

    • UAbraham uyafa (7-11)

    • Oonyana bakaIshmayeli (12-18)

    • Kuzalwa uYakobi noEsawu (19-26)

    • UEsawu uthengisa ngobuzibulo bakhe (27-34)

  • 26

    • UIsake noRebheka eGerare (1-11)

      • UIsake uchazelwa ngesithembiso sikaThixo (3-5)

    • Ingxabano ngamaqula (12-25)

    • UIsake wenza isivumelwano noAbhimeleki (26-33)

    • Abafazi ababini bakaEsawu abangamaHiti (34, 35)

  • 27

    • UYakobi usikelelwa nguIsake (1-29)

    • UEsawu uzonda uYakobi (41-46)

  • 28

    • UIsake uthumela uYakobi ePadan-aram (1-9)

    • Iphupha likaYakobi eseBheteli (10-22)

      • UThixo uxelela uYakobi ngesithembiso asenzileyo (13-15)

  • 29

    • UYakobi udibana noRakeli (1-14)

    • UYakobi uthi swii nguRakeli (15-20)

    • UYakobi utshata uLeya noRakeli (21-29)

    • Oonyana bakaYakobi abane awabazalelwa nguLeya: uRubhen, uSimeyon, uLevi noYuda (30-35)

  • 30

    • UBhiliha uzala uDan noNafetali (1-8)

    • UZilipa uzala uGadi noAshere (9-13)

    • ULeya uzala uZebhulon (14-21)

    • URakeli uzala uYosefu (22-24)

    • Umhlambi kaYakobi uyanda (25-43)

  • 31

    • UYakobi uyazimela aye kwaKanan (1-18)

    • ULabhan uleqa uYakobi aze amfumane (19-35)

    • UYakobi wenza isivumelwano noLabhan (36-55)

  • 32

    • IIngelosi zidibana noYakobi (1, 2)

    • UYakobi ulungiselela ukudibana noEsawu (3-23)

    • UYakobi ujijisana nengelosi (24-32)

      • UYakobi ubizwa ngokuba nguSirayeli (28)

  • 33

    • UYakobi udibana noEsawu (1-16)

    • UYakobi uya kwaShekem (17-20)

  • 34

    • UDina uyadlwengulwa (1-12)

    • Oonyana bakaYakobi benza amaqhinga (13-31)

  • 35

    • UYakobi ususa izithixo zasemzini (1-4)

    • UYakobi ubuyela eBheteli (5-15)

    • UBhenjamin uyazalwa; uRakeli uyafa (16-20)

    • Oonyana bakaSirayeli abayi-12 (21-26)

    • UIsake uyafa (27-29)

  • 36

    • Inzala kaEsawu (1-30)

    • Ookumkani neenkosi zakwaEdom (31-43)

  • 37

    • Amaphupha kaYosefu (1-11)

    • UYosefu nabantakwabo abanomona (12-24)

    • UYosefu uthengiswa njengekhoboka (25-36)(25-36)

  • 38

    • UYuda noTamare (1-30)

  • 39

    • UYosefu endlini kaPotifare (1-6)

    • UYosefu akavumi ukulala nomfazi kaPotifare (7-20)

    • UYosefu usejele (21-23)

  • 40

    • UYosefu utolika amaphupha amabanjwa (1-19)

      • ‘NguThixo otolikayo’ (8)

    • Itheko lomhla wokuzalwa kukaFaro (20-23)

  • 41

    • UYosefu utolika amaphupha kaFaro (1-36)

    • UYosefu ubekwa kwisikhundla esiphezulu nguFaro (37-46a)

    • UYosefu ulawula ukwabiwa kokutya (46b-57)

  • 42

    • AbantakwaboYosefu baya eYiputa (1-4)

    • UYosefu udibana nabantakwabo aze abavavanye (5-25)

    • AbantakwaboYosefu babuyela ekhaya kuYakobi (26-38)

  • 43

    • AbantakwaboYosefu babuyela okwesibini eYiputa noBhenjamin (1-14)

    • UYosefu uphinda adibane nabantakwabo (15-23)

    • UYosefu utya nabantakwabo (24-34)

  • 44

    • Indebe yesilivere kaYosefu ikwingxowa kaBhenjamin (1-17)

    • UYuda ucengela uBenjamin (18-34)

  • 45

    • UYosefu uyazichaza ukuba ungubani (1-15)

    • AbantakwaboYosefu bayokuthatha uYakobi (16-28)

  • 46

    • UYakobi nendlu yakhe bafudukela eYiputa (1-7)

    • Amagama abantu abaya eYiputa (8-27)(8-27)

    • UYosefu udibana noYakobi eGoshen (28-34)

  • 47

    • UYakobi udibana noFaro (1-12)

    • UYosefu ulawula ngobulumko (13-26)

    • AmaSirayeli ahlala eGoshen (27-31)

  • 48

    • UYakobi usikelela oonyana bakaYosefu ababini (1-12)

    • UEfrayim usikelelwa kakhulu kunomntakwabo (13-22)

  • 49

    • UYakobi uyaprofeta sele eza kufa (1-28)

      • UShilo uza kuvela kwaYuda (10)

    • UYakobi uchaza indawo afuna ukungcwatyelwa kuyo (29-32)

    • UYakobi uyafa (33)

  • 50

    • UYosefu ungcwaba uYakobi kwaKanaan (1-14)

    • UYosefu uqinisekisa abantakwabo ukuba ubaxolele (15-21)

    • Iintsuku zokugqibela nokufa kukaYosefu (22-26)

      • UYosefu uchaza into afuna yenziwe ngamathambo akhe (25)