Yiya kwinkcazelo

Eritrea

Babanjelwe Ukholo Lwabo

Babanjelwe Ukholo Lwabo

E-Eritrea amaNgqina KaYehova nabanye abantu bayabanjwa baze bavalelwe entolongweni kungakhange kuxoxwe tyala. Amadoda, amabhinqa, abantwana nabantu abalupheleyo abangamaNgqina bavalelwa entolongweni ngenxa yokuba bekhonza okanye ngenxa yezizathu ezingachazwayo. Abafana bavalelwa entolongweni ngenxa yokuba bengayi emkhosini.

Xa iEritrea yaba lilizwe elizimeleyo ngo-1993, amaNgqina KaYehova awazange aphinde abe nawo amalungelo awo asisiseko. UMongameli uAfewerki wathi awasenalo ilungelo lokuba ngabahlali ngenxa Yomyalelo KaMongameli kaOktobha 25, 1994, kuba amaNgqina engakhange avote ngo-1993 nokungayi kwawo emkhosini ngenxa yesazela sawo. Ukususela ngoko, amapolisa ase-Eritrea avalela, angcungcuthekisa aza ahlaza amaNgqina KaYehova ngaloo ndlela ewanyanzela ukuba atsho phambi kwabantu ukuba awasafuni ukukhonza uYehova.

Kusweleka Amanye AmaNgqina KaYehova Entolongweni

Kusweleke amaNgqina KaYehova amabini emva kokuba esiwe kwintolongo ekuthiwa yiMai Serwa. NgoJanuwari 3, 2018 kusweleke uHabtemichael Tesfamariam eneminyaka eyi-76 kwaza ngoMatshi 6, 2018 kwasweleka uHabtemichael Mekonen eneminyaka eyi-77. Abasemagunyeni base-Eritrea avalela omabini la madoda engakhange axoxwe amatyala awo. Ngoku, mane amaNgqina KaYehova aye asweleka evalelwe e-Eritrea.

Ukuvalelwa Entolongweni Phantsi Kweemeko Ezinzima

Amadoda amathathu, uPaulos Eyasu, uIsaac Mogos noNegede Teklemariam bavalelwa entolongweni ngoSeptemba 24, 1994 kuba bengayi emkhosini ngenxa yesazela. Ukanti amanye amadoda alishumi ebevalelwe entolongweni kangangeminyaka engaphezu kwelishumi.

Amanye amabanjwa angamaNgqina ebevalelwe kwimigqomo eyenziwe ngecangci ngoxa amanye ekwizakhiwo ezenziwe ngamatye okanye amacangci, ezinenxalenye yazo ephantsi komhlaba. Elinye ibanjwa elinguMisghina Gebretinsae, elineminyaka eyi-62 lasweleka ngoJulayi 2011 ngenxa yokutshisa kwendawo elalivalelwe kuyo kwintolongo eseMeitir. Ukanti yena uYohannes Haile, oneminyaka eyi-68 usweleke ngoAgasti 16, 2012, iminyaka ephantse ibe mine ekwimeko efanayo. Kusweleke amaNgqina KaYehova amathathu asele ekhulile ngeminyaka ngenxa yokuvalelwa entolongweni phantsi kweemeko ezinzima.

NgoJulayi 2017, onke amaNgqina KaYehova avalelwe kwintolongo yaseMeitir asiwa kwintolongo ekuthiwa yiMai Serwa kufutshane neAsmara apho iimeko zibhetele khona.NgoNovember 30, 2017, onke amaNgqina KaYehova ayi-13 kuquka uPaulos Eyasu, uIsaac Mogos noNegede Teklemariam ababevalelwe kwintolongo eseSawa nabo basiwa kwintolongo ekuthiwa yiMai Serwa.

Abantu Abaye Bavalelwa Nabaye Bakhululwa Kutshanje

NgoAprili 9, 2016, uSamuol Dawit wabanjwa ngenxa yokungafuni ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe.

On March 30, 2017, Hadas Dawit attempted to provide bail for her sister, Samuol, but was also arrested, and they are both being held in the Mai Serwa Prison.

Ngo-Aprili 26, 2017, UNehemiah Hagos wakhululwa entolongweni.

NgoSeptember 2017, abafana ababini abangamaNgqina KaYehova, uYonathan Asgedom noDaniel Teka, babanjwa ibe ngoku bakwisitishi samapolisa eAsmara.

Izinto Ezenzekileyo

  1. NgoMatshi 14, 2018

    Ayi-53 amaNgqina KaYehova abanjiweyo.

  2. NgoJulayi 25, 2014

    Uninzi lwabebevalelwe ngoAprili 14 bakhululwa kodwa abayi-20 kwabebevalelwe ngoAprili 27 basavalelwe. AmaNgqina avalelweyo ayi-73.

  3. NgoAprili 27, 2014

    AmaNgqina ayi-31 avalelwa ngoxa ayekwintlanganiso ekwakufundwa iBhayibhile kuyo.

  4. NgoAprili 14, 2014

    AmaNgqina angaphezu kwayi-90 avalelwa ngoxa ayekwiSikhumbuzo saminyaka le sokufa kukaKristu.

  5. NgoNovemba 2013

    AmaNgqina ayi-52 avalelwa entolongweni phantsi kweemeko ezimbi.

  6. NgoAgasti 16, 2012

    Kwasweleka uYohannes Haile, oneminyaka eyi-68, ngoxa wayevalelwe phantsi kweemeko ezinzima.

  7. NgoJulayi 2011

    Kwasweleka uMisghina Gebretinsae, oneminyaka eyi-62, ngoxa wayevalelwe phantsi kweemeko ezinzima.

  8. NgoJuni 28, 2009

    Abasemagunyeni bagqogqa ikhaya leNgqina ngoxa kwakukhonzwa ibe abamba onke amaNgqina ayi-23 awayelapho, awayephakathi kweminyaka emibini neyi-80. Inani lamaNgqina abanjwayo landa laya kutsho kwayi-69.

  9. NgoAprili 28, 2009

    Abasemagunyeni bawasa kwenye intolongo amaNgqina KaYehova kodwa linye elavalelwa kwisitishi samapolisa esiseMeitir.

  10. NgoJulayi 8, 2008

    kAbasemagunyeni baqalisa ukugqogqa amakhaya nasemisebenzini yamaNgqina ibe aye abamba ayi-24. Uninzi lwawo lusebenzela iintsapho zawo.

  11. NgoMeyi 2002

    Urhulumente uvala zonke iinkonzo ezingezizo ezine ezisemthethweni.

  12. Ngo-Oktobha 25, 1994

    AmaNgqina KaYehova akawanikwa amanye amalungelo awo njengabahlali.

  13. NgoSeptemba 24, 1994

    UPaulos Eyasu, uIsaac Mogos noNegede Teklemariam bavalelwa entolongweni kungakhange kuxoxwe tyala ibe basesentolongweni.

  14. Ngoo-1940

    AmaNgqina KaYehova okuqala e-Eritrea.

Imprisoned for Their Faith—Eritrea (PDF)