Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndingaphakama

Ndingaphakama
  1. 1. Kunzima kum ndililolo, andinamntu

    Yehova ndiyazi ndikone phi.

    Ndiziva ndiphantsi nd’dinga amandl’ oqhubeka.

    Ndifun’ ubuyel’ entlanganweni.

    (CHORUS)

    Ndiyazikhumbul’ izinto, ondfundise zona

    Elizwini lakho iBhayibhile

    Noba ndingakhubeka noba ndingawa,

    Ndingaphakama.

  2. 2. Abandikhathaleleyo,

    Abandithandayo,

    Bamthanda kakhul’ uYehova.

    Ilizwi lakho liyandikhokel’ endleleni.

    Ndifun’ indlela esebomini.

    (BRIDGE)

    Yonke into nje ihlala indikhumbuza ukuba:

    Sisondel’ isphelo.

    (CHORUS)

    Ngoko Bawo, oh Yehova ndiyacela

    Undincede ndiyak’dinga Thixo.

    Uyazi noba ndimane ndisiwa,

    Ndingaphakama.

    (BRIDGE)

    UYehova uyayazi ndikhe ndidinge uncedo.

    Ubona oko abanye bangena kukubona.

    Ukhangela okuhle kum.

    (CHORUS)

    Ngoko ndiya kwiintlanganiso ndibuyel’ ekhaya,

    Kuba ndiyathandwa khona.

    Noba ndingakhubeka noba ndingawa, ndokuphakama.

    Ndingaphakama.