Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubuya Kuphendula Uthini?

Ubuya Kuphendula Uthini?

Ubuya Kuphendula Uthini?

CHAZA UMZEKELISO

1. Kumzekeliso kaYesu okuMateyu 18:12-14, kwenzeka ntoni kweny’ imvu?

․․․․․

2. Xa kuthethwa ngomalusi kuthethwa ngantoni?

․․․․․

3. Wavakalelwa njani umalusi emva kokuba eyifumene into awayeyifuna?

․․․․․

Ukwenzela Incoko: UYehova ufana njani nomalusi? Wena ufana njani nemvu?

KWENZEKA NINI OKU?

Chaza igama lombhali okanye ababhali beBhayibhile bezi ncwadi zingezantsi uze ukrwele umgca osuka kwincwadi oya kwixesha eyagqitywa ngalo.

Emva kowama-443 B.C.E. Ngaphambi kowama-62 C.E. Emva kowama-70 C.E.

455 B.C.E. 64 C.E.

4. Malaki

5. Yakobi

6. 2 Petros

NDINGUBANI?

7. UYakobi wathi ndavakaliswa ndililungisa ngenxa yokuba ndandibamkela ngezandl’ ezishushu abathunywa.

NDINGUBANI?

8. Ndingumza kaBharnabhas yaye uPetros wayendibiza ngokuba ndingunyana wakhe.

KULE NKUPHO

Phendula le mibuzo uze ufakele indinyana (iindinyana) zeBhayibhile.

Iphepha 8 Wathini uYobhi ngomhlaba? (Yobhi 26:․․․)

Iphepha 11 AmaKristu okuqala ayezijonga njani iZibhalo Ezingcwele? (1 Tesalonika 2:․․․)

Iphepha 12 Ookumkani bakwaSirayeli bachazelwa ukuba babhale ntoni? (Duteronomi 17:․․․)

Iphepha 28 Yintoni iBhayibhile ekucebisa ukuba uyingqine ngokwakho? (Roma 12:․․․)

Bantwana Khangelani Le Mifanekiso

Ngaba unokuyifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.

(Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 27)

IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31

1. Yalahleka.

2. Ngomntu okhokela nokhusela umhlambi wezimvu.

3. Wavuya.

4. NguMalaki, emva kowama-443 B.C.E.

5. NguYakobi, ngaphambi kowama-62 C.E.

6. NguPetros, ngowama-64 C.E.

7. NguRahabhi.—Yakobi 2:25.

8. NguMarko.—Kolose 4:10; 1 Petros 5:13.