Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazali—Khuselani Abantwana Benu!

Bazali—Khuselani Abantwana Benu!

Bazali—Khuselani Abantwana Benu!

ABAZALI abaxhalabele abantwana babo bayazibuza, “Kutheni besanda abantwana abakwishumi elivisayo abasela amayeza ngaphandle kwemvume kagqirha?” Kukho izizathu ezahlukahlukeneyo. Abanye abantu abaselula bafuna nje ukuzonwabisa. Abanye bathi bafuna ukukwazi ukufunda okanye bafuna ukulibala ngeengxaki abanazo. Kwaye kusenokwenzeka ukuba abanye baye babandezeleka okanye bakhathazeka gqitha yaye bafuna into eza kubenza bazive bhetele. Abantwana abaneminyaka eli-12 ubudala baye bawasebenzisa kakubi amayeza kagqirha, mhlawumbi bawafumana ngokuwathenga kwiiWeb site ezininzi ezithengisa ngamayeza ngaphandle kokubuza imibuzo emininzi. Abanye baye bathenga iipilisi kubantu abazibanga bengabahlobo babo. Ukuba ungumzali, yintoni onokuyenza ukuze ukhusele abantwana bakho?

Okokuqala, thetha ngokuphandle ngeengozi zokusebenzisa kakubi amayeza kagqirha okanye iziyobisi. Kwakhona, wabeke kwindawo ekhuselekileyo amayeza—mhlawumbi ungade uwatshixele. Wazi amayeza onawo ekhaya, uze uyijonge indlela asetyenziswa ngayo. Ukuba iyeza elithile alisasetyenziswa, lilahle. Ukuba umntwana wakho okwishumi elivisayo usasebenzisa iyeza lokukhohlela nangona sele ephilile, mbuze ngalo. Yaye zazi izinto ezenziwa ngumntwana wakho kwi-Internet, indlela alisebenzisa ngalo ikhadi lokuthenga ngetyala nezinto azithunyelelwa ngeposi. Okokugqibela, lwazi utshintsho aye walwenza ngokuphathelele abahlobo, inkangeleko, indlela yokuziphatha okanye xa engaqhubi kakuhle esikolweni.

Xa Umntwana Enengxaki Yamayeza Okanye Iziyobisi

Ukuba umntwana wakho unengxaki yamayeza okanye iziyobisi okanye ucinga ukuba unayo, yintoni onokuyenza? Ufanele uthethe nomntwana wakho ngezinto ezikuxhalabisayo, ubonakalise uthando nobubele xa uthetha naye. IBhayibhile ithi: “Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu, kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.” (IMizekeliso 20:5) Ukusenga inyaniso kumntwana ocinga ukuba unengxaki yeziyobisi kunokufana nokutsala ibhakethi lamanzi ngentambo enokuqhawuka msinyane. Ukuba uyitsala kakhulu, ngokumtyhola umntwana wakho okanye uvuthe ngumsindo, unokuyiqhawula loo ntambo yonxibelelwano. Khumbula ukuba injongo yakho intlu-mbini. Okokuqala, ufuna ukwazi enokuba ikho ingxaki. Okwesibini, ukuba ikho, ufuna ukwazi unobangela. Ezi zizathu zidla ngokuquka esinye sezi zilandelayo.

Unxulumano olubi nengcinezelo yoontanga. Eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 ithi: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Ngoko ke, abazali abalumkileyo baya kunceda abantwana babo babone ubungozi bonxulumano olubi, ekusenokwenzeka ukuba lulo olubaphembelelayo. Ngoko ke abazali baya kubanceda abantwana babo bakhethe amaqabane afanelekileyo. (IMizekeliso 13:20) Mhlawumbi abazali banokubamema abantu abanjalo ekhayeni okanye xa intsapho izikhuphile.

Uxinezeleko. Ihlabathi lanamhlanje licinezela abantu ukuba baphumelele, yaye maxa wambi abazali banokwenza izinto zibe mbi nangakumbi xa belindele lukhulu kubo. a Ngaba uyazazi izinto abantwana bakho abazenza kakuhle nezo basilela kuzo? Ngaba ubamisela usukelo olusengqiqweni uze ubancede bakwazi ukulufikelela? Ngaba uyakuphepha ukubathelekisa abantwana bakho nto leyo enokubadimaza ize ibenze badandatheke? Liyinyaniso elokuba, xa umntwana wakho engathandwa ekhaya, uza kulufuna olo thando kwenye indawo. Kwakhona abazali abalumkileyo balwela ukuxabisa izinto zokomoya ekhaya, mhlawumbi ngokufunda iBhayibhile kunye nabantwana babo. UYesu Kristu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

Ukungamiselwa kwemida kwindlela yokuziphatha. Abanye abantu abaselula basebenzisa kakubi amayeza neziyobisi kuba abazali babo bebavumela ukuba benze nantoni na abayifunayo. IMizekeliso 29:15 ithi: “Inkwenkwe [okanye intombazana] eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.” Liyinyaniso elokuba, abantwana bayakufuna ukumiselwa imida kwindlela yokuziphatha, nto leyo ebenza bazive bekhuselekile yaye bethandwa—enoba bayakhalaza ngaloo mida bamiselwe yona. Ngenxa yoko, iBhayibhile ikhuthaza abazali ukuba bamisele abantwana babo imigaqo esengqiqweni, baze babamisele nomzekelo omhle. (Efese 6:4) Kwakhona iBhayibhile ikhuthaza abazali ukuba bangaguquguquki yaye babe ngqongqo xa kuyimfuneko. “UEwe wenu makabe nguEwe, noHayi wenu, abe nguHayi.”—Yakobi 5:12.

Kakade ke, xa ufumanise ukuba umntwana wakho uwasebenzisa kakubi amayeza okanye iziyobisi, kungaba kuhle ukuthetha nogqirha ngale meko. Kunokuba nzima ukuyeka umkhwa othile yaye kusenokufuneka uncedo lukagqirha. Kwakhona, ukuba intsapho yakho iyinxalenye yebandla lamaNgqina kaYehova, ufanele ufune uncedo lwabadala. (Yakobi 5:13-16) La madoda aqolileyo ngokomoya anokukunceda usebenzise imigaqo yeBhayibhile ukuze umntu achache ngokukhawuleza.

Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngeminye imigaqo lize lithethe nangethemba elihle esinokuba nalo ngekamva.

[Umbhalo osemazantsi]

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]

“Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu, kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.”—IMizekeliso 20:5.

[Ibhokisi ekwiphepha 7]

IZINTO ESILUBONA NGALO ULUTSHA OLUSENGOZINI

◼ Ukuba ukho umntu entsatsheni owakha wazisebenzisa kakubi iziyobisi okanye utywala

◼ Ukudandatheka nokuzijongela phantsi

◼ Ukuvakalelwa ukuba akathandwa ngabanye

◼ Ukuba uhlala emathile; enengxaki yokulala

◼ Ukuba unemvukelo kubantu abadala b

[Umbhalo osemazantsi]

b Le nkcazelo ithatyathwe kwiTeen Help