Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Esona Sicombululo Kwiingxaki Zabantu

Esona Sicombululo Kwiingxaki Zabantu

Esona Sicombululo Kwiingxaki Zabantu

XA ULENA, okhankanywe kwinqaku lokuqala, wayeneminyaka engama-32 ubudala, waphelelwa lithemba ngenxa yengxaki anayo yokusebenzisa kakubi amayeza kagqirha. Uthi: “Ndandifuna ukuba ngumfazi nomama ofanelekileyo, kodwa izinto zazingandihambeli kakuhle ebomini yaye ndandingasiboni isizathu sokuba ndenze okufanelekileyo. Yaye sihlandlo ngasinye ndizama ukwenza okulungileyo ndandisilela.”

Wandula ke uLena wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kungabanga thuba lide, inyaniso yeBhayibhile yamenza waba noxolo, waziva ekhululekile yaye uthi, “andizange ndivakalelwe ngale ndlela ngaphambili.” Ukufunda ngemigaqo yeBhayibhile nethemba elihle ngekamva kwamshukumisela ukuba alungise indlela awayephila ngayo aze akwazi ukulwa nokuba likhoboka lamayeza.

Imigaqo Yobomi

Imithetho nemigaqo efumaneka eBhayibhileni yenzelwe thina nguMdali wethu, uYehova uThixo. INdumiso 19:7, 8 ithi: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa [uphilisa] umphefumlo. . . . Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye amehlo.”

Ngokomzekelo, eyesi-2 kwabaseKorinte 7:1 isibongoza ukuba ‘sizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.’ ULena wasisebenzisa esi siluleko seBhayibhile, yaye oku kwamnceda wawuyeka umkhwa wakhe ombi. NoMyra, okhankanywe kwinqaku lokuqala kolu ngcelele, wenza okufanayo. Mhlawumbi uyakhumbula ukuba waba likhoboka lamayeza entloko awayewanikwe ngugqirha. Wenza ntoni uMyra ngale ngxaki? Wathetha nogqirha ngayo, waza loo gqirha wamnika amanye amayeza ahlukileyo. a Ngaphezu koko, wakhuthazwa nalibandla lamaKristu.

ULena noMyra bancedwa nangumthandazo. EyabaseFilipi 4:6, 7 ithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.” Umkhonzi kaThixo wamaxesha amandulo owalufumanayo olo xolo wathi, xa ‘iingcamango zakhe eziphazamisayo zaba ninzi,’ amazwi omelezayo kaThixo amenza wazola, amthuthuzela waza waba novuyo. (INdumiso 94:19) Loo mazwi athuthuzelayo anokufunyanwa eBhayibhileni nakumaKristu kwakunye nabadala abangamaKristu abathi basikhuthaze baze basixhase.

Kodwa ke, maxa wambi ubani usenokuvakalelwa engento yanto ngenxa yengxaki anayo ngamayeza. UJanice, omnye umKristu owayelikhoboka lamayeza kagqirha kangangeminyaka emininzi, wabhala: “Abantu abanale ngxaki basenokufa ngokomoya baze bazicaphukele kangangokuba bade bakufumanise kunzima ukuzicelela uncedo kuYehova.” Phantsi kweemeko ezinjalo, kubaluleke kakhulu ukuba bacele uncedo kumaKristu aqolileyo. Ukhuthazo, uthando nomthandazo wokholo “uya kumphilisa lowo ungaphilanga.” (Yakobi 5:15) Kakade ke, ukuba loo mntu unengxaki ngamayeza ngumntwana, kufuneka abazali bamncede—ngokomoya nasempilweni—ukuze achache, angabuyel’ umva.

UJanice wafumana uncedo lukagqirha, walwisana nomkhwa wakhe yaye ukususela ngoko akazange aphinde awele kulo mgibe. Uthi: “Ndithembele kuYehova ukuba andincede xa kunzima. Ngoku ndiseluxolweni, yaye ndonwabile kwakhona.”

Xa Iingxaki Zethu Ziya Kube Zingasekho

Liyeza ixesha xa amayeza neziyobisi ziya kube zingasekho. Njani? ISityhilelo 21:3, 4 siyaphendula: “Intente kaThixo iphakathi koluntu . . . Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili [eziquka iingxaki zanamhlanje] zidlule.”

IBhayibhile ifanisa ithemba lamaKristu “neankile yomphefumlo, liqinisekile yaye liqinile.” (Hebhere 6:18, 19) Xa kukho isaqhwithi, oomatiloshe bexesha lamandulo babethoba iankile ekwinqanawa. Ukuba iankile ibambelele ngaphantsi kwamanzi, yayiza kunceda inqanawa ikwazi ukumelana nesaqhwithi nezinye iingozi. Ngokufanayo, ithemba ‘eliqinisekileyo neliqinileyo’ eliseBhayibhileni linokusinceda sikwazi ukuhlala silungelelene ngokweemvakalelo, engqondweni nangokomoya xa sijamelene nezilingo—kuba ngokuqinisekileyo ziza kusifikela!

Zama ukuhlolisisa oko kuthethwa yiBhayibhile uze ubone indlela asebenza nakhuthaza ngayo amacebiso neemfundiso zayo. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda, yaye akusayi kudana.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kusenokwenzeka ukuba ugqirha wethu angasiniki amanye amayeza njengoMyra. Ngokomzekelo, abanye abantu basenokuba nesifo esibuhlungu kuze kufuneke ukuba banikwe amayeza asenokubangela ukuba umntu abe likhoboka lawo. Umntu onjalo akaseli loo mayeza ukuze anxile, yaye asinakuthi uwasebenzisa kakubi amayeza.—Funda iMizekeliso 31:6.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

“Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo . . . yaye uxolo lukaThixo . . . luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.”—Filipi 4:6, 7.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]

IINDLELA ZOKUPHUCULA IMPILO

Incwadi ethi Managing Your Mind—The Mental Fitness Guide ithi, ukuzilolonga “kunokukunceda ungadakumbi yaye ungadandatheki.” Kunokunceda nokutshintsha ukutya okutyayo nemikhwa ethile, kwakunye nezinto oyondla ngazo ingqondo yakho. Khawucinge ngomzekelo kaValerie, owaxhatshazwa esengumntwana. Waba likhoboka lamayeza kagqirha ali-12 ahlukahlukeneyo. Kodwa ke wakwazi ukulwisana nalo mkhwa waza waphila ubomi obuqhelekileyo. Wenza njani?

Kunokuba abukele umabonwakude yaye afunde iincwadi ezithandabuzekayo, uValerie wafunda iBhayibhile waza wazipha nexesha lokufunda iincwadi ezifundisa iBhayibhile ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova, kuquka neli phephancwadi. Kwakhona, wayethandaza rhoqo kuThixo ukuze amphe amandla, wacela noncedo kwibandla lamaKristu, waza wazigcina exakekile ngokwabelana nabanye ngesigidimi seBhayibhile esikhuthazayo. Ngaphezu koko, wenza utshintsho olukhulu ekutyeni kwakhe, okwakuquka ukutya okungenasondlo. Wachacha kangangokuba wamangalisa noogqirha bakhe. Ngoku sele kudlule iminyaka emininzi ehlukene nalo mkhwa mbi. b

[Umbhalo osemazantsi]

b Ukuba usebenzisa amayeza ngenxa yokudandatheka, ibipolar okanye esinye isifo sengqondo, kusenokuba imeko yakho ayifani nekaValerie. Ngoko ungenzi naluphi na utshintsho ngaphandle kokuthetha nogqirha wakho.