Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Ufuna Ube Sisityebi?

Ngaba UThixo Ufuna Ube Sisityebi?

Imbono YeBhayibhile

Ngaba UThixo Ufuna Ube Sisityebi?

“UThixo undisikelele! Ndiza kuba sisityebi!”

“Ndifuna ukuba sisityebi—kuba uThixo neengelosi bafuna ndibe siso.”

“UThixo usenza izityebi.”

“Ndichunyiswa yiBhayibhile.”

LA MAZWI abonisa oko kukholelwa ziinkonzo ezininzi. Zithi umntu uba sisityebi kuba esikelelwa nguThixo. Zikholelwa ukuba xa usenza okuhle phambi kukaThixo, uza kukupha amandla okuba nezinto zobu bomi aze akuvuze. Le ngcamango iyathandwa gqitha, kangangokuba zithengwa kakhulu iincwadi ezithetha ngayo. Kodwa ngaba le “ngcamango” iyavisisana neBhayibhile?

Ngokuqinisekileyo, uMdali wethu, iBhayibhile embiza ngokuba ‘nguThixo onoyolo,’ ufuna sonwabe size siphumelele ebomini. (1 Timoti 1:11; INdumiso 1:1-3) Ngaphezu koko, uyabasikelela abo bamkholisayo. (IMizekeliso 10:22) Kodwa ngaba oko kuthetha ukuba namhlanje uThixo uza kusisikelela ngobutyebi? Sinokuyiqonda kakuhle impendulo yalo mbuzo xa sisazi ukuba iyintoni injongo kaThixo ngokuphathelele ixesha esiphila kulo.

Ngaba Ngoku Lixesha Lokuba Sisityebi?

Mandulo, uYehova uThixo wayebasikelela abakhonzi bakhe ngobutyebi, ngokomzekelo wasikelela usolusapho uYobhi noKumkani uSolomon. (1 Kumkani 10:23; Yobhi 42:12) Kodwa, abanye abantu ababemoyika uThixo babengenazinto zingako eziphathekayo, kuquka uYohane umBhaptizi noYesu Kristu. (Marko 1:6; Luka 9:58) Yintoni esiyifundayo koku? Ngokutsho kweBhayibhile, uThixo uqhubana nabakhonzi bakhe ngokuvisisana nenjongo anayo ngabo ngelo xesha. (INtshumayeli 3:1) Lo mgaqo usebenza njani kuthi namhlanje?

Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba siphila ‘kwisiphelo senkqubo yezinto,’ okanye ‘kwimihla yokugqibela’ yeli hlabathi. Eli xesha lizaliswe ziimfazwe, zizifo, yindlala, ziinyikima nokuwohloka kwemilinganiselo yabantu—meko ezo ziye zathwaxa kakhulu uluntu ukususela ngowe-1914. (Mateyu 24:3; 2 Timoti 3:1-5; Luka 21:10, 11; ISityhilelo 6:3-8) Ngamanye amazwi, eli hlabathi lifana nenqanawa eza kuzika! Xa sicinga ngoku, ngaba bekuya kuba sengqiqweni ngoThixo ukusikelela mkhonzi ngamnye wakhe ngobutyebi, okanye zininzi ezinye izinto ezibalulekileyo uThixo ebenokusenzela zona?

UYesu Kristu wafanisa ixesha lethu nemihla kaNowa. UYesu wathi: “Njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke, nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.” (Mateyu 24:37-39) Kwakhona uYesu wafanisa imihla yethu nemihla kaLote. Abamelwane bakaLote eSodom neGomora ‘babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala yaye besakha.’ UYesu wongezelela esithi: “Kodwa ngemini uLote awaphuma ngayo eSodom kwana umlilo nesalfure ezulwini waza wabatshabalalisa bonke. Kuya kuba njalo kanye ngemini yokutyhileka koNyana womntu.”—Luka 17:28-30.

Liyinyaniso elokuba, akukho nto iphosakeleyo ngokutya, ngokusela, ngokutshata, ngokuthenga nangokuthengisa. Ingozi kukuthi phithi zezo zinto kangangokuba singaliboni nexesha esiphila kulo. Ngoko zibuze, ‘Ngaba uThixo ebeya kube uyasinceda xa esisikelela kanye ngezinto ebeziya kusixakekisa zize zisiphazamise?’ a Ngokuqinisekileyo ebeya kuba uyasenzakalisa. Kodwa ke uThixo wothando akanjalo!—1 Timoti 6:17; 1 Yohane 4:8.

Ixesha Lokusindisa Ubomi!

Kweli xesha linzima embalini yoluntu, abantu bakaThixo banomsebenzi ongxamisekileyo abafanele bawenze. UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) AmaNgqina kaYehova awathabatha nzulu la mazwi. Ngenxa yoko, akhuthaza abamelwane bawo ukuba bafunde ngoBukumkani noko kufunwa nguThixo ukuze bafumane ubomi obungunaphakade.—Yohane 17:3.

Kodwa ke, uThixo akalindelanga ukuba abakhonzi bakhe abathembekileyo bazibandeze izinto. Kunoko, ufuna baneliseke zizinto abanazo eziyimfuneko ukuze bakwazi ukunikela ingqalelo ekumkhonzeni. (Mateyu 6:33) Ukuba benjenjalo uya kuqiniseka ukuba bayazifumana izinto eziyimfuneko. AmaHebhere 13:5, 6 athi: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba [uThixo] uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’”

UThixo uya kuwazalisekisa loo mazwi xa esindisa “isihlwele esikhulu” sabakhonzi bakhe kwisiphelo sale nkqubo yezinto aze asingenise kwihlabathi elitsha elinoxolo nonqabiseko. (ISityhilelo 7:9, 14) UYesu wathi: ‘Mna ndizele ukuba abakhonzi abathembekileyo babe nobomi yaye babe nabo ngokuyintabalala.’ (Yohane 10:10) Obo ‘bomi buyintabalala’ bubhekisela, kungekhona kubomi bokuba zizityebi ngoku, kodwa kubomi obungayi kuphela kwiParadesi phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo.—Luka 23:43.

Musa ukukhohliswa yingcamango abantu abanayo yokuba uThixo usisikelela ngobutyebi. Kunoko, thobela amazwi kaYesu athi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe.”—Luka 21:34, 35.

[Umbhalo osemazantsi]

a Njengakwinkulungwane yokuqala, amanye amaKristu athembekileyo namhlanje azizityebi. Kodwa ke, uThixo uyawalumkisa ukuba angathembeli kubutyebi bawo okanye aphazanyiswe bubo. (IMizekeliso 11:28; Marko 10:25; ISityhilelo 3:17) Enoba sizizityebi okanye singamahlwempu, sonke sifanele sinikele ingqalelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo.—Luka 12:31.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Ngoku lixesha lantoni?—Mateyu 24:14.

◼ UYesu wafanisa ixesha esiphila kulo nexesha loobani abaseBhayibhileni?—Mateyu 24:37-39; Luka 17:28-30.

◼ Yintoni esimele siyiphephe ukuze sizuze ubomi obungunaphakade?—Luka 21:34.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]

Musa ukukhohliswa yingcamango abantu abanayo yokuba uThixo usisikelela ngobutyebi