Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndasaba Kwithafa Lokufa Ndaza Ndafumana Ubomi

Ndasaba Kwithafa Lokufa Ndaza Ndafumana Ubomi

Ndasaba Kwithafa Lokufa Ndaza Ndafumana Ubomi

Kubalisa uSam Tan

Mna nentsapho yakowethu nabantu baseKhambodiya abamalunga nama-2 000 sasaba kwindawo esasihlala kuyo, saya kufika kumlambo okumda weThailand. Sakhwela kwelinye lamaphenyane amancinane elasisa kwindawo yokhuseleko. Xa kanye iphenyane lokugqibela lalisuka, kwafika amajoni eKhmer Rouge aza asidubula.

KWATHI qabu sakufika eThailand sisaphelele. Bonke abantu babonwabile ngaphandle kwethu, kuba utata nomalume babengekho apho, babethatyathwe kwiinyanga ezingaphambili. Umama wahlala phantsi walila. Kodwa ngaphambi kokuba ndityatyadule, mandichaze ukuba kwakutheni kuqala.

Ndandifudula NdingumBhuda

Ndazalelwa eKhambodiya ngowe-1960 yaye ekhaya sasibathathu. Xa ndandineminyaka elithoba ubudala, mna nabazali bam sagqiba kwelokuba ndiye kukhonza kwitempile yamaBhuda, nto leyo yayiqhelekile kubafana abalingana nam. Imonki iqalisa ukusebenza ngentsimbi yesithandathu ekuseni, isuke etempileni ingene kwindlu ngendlu iqokelele ukutya. Ndandiba madolw’ anzima ukucela ukutya kwabanye abaninimzi, kuba babengamahlwempu. Emva koko, thina zimonki eziselula sasilungisa ukutya size siphakele iimonki ezikhulileyo. Thina sasisitya mva.

Ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa, iimonki ezikhulileyo zazihlanganisana ukuze zithandaze, zisebenzisa ulwimi olwaziwa ngabantu abambalwa okanye olungaziwayo. Emva kweminyaka emibini, ndamiselwa njengemonki encinane yaye ndandifumana amanye amalungelo awayenanditshwa ziimonki ezikhulileyo. Ndandivumelekile nokuthandaza kunye nazo. Ngelo xesha, ndandicinga ukuba unqulo lwamaBhuda kuphela kwenkonzo ekhoyo emhlabeni wonke.

Ndabaleka EKhambodiya

Ndandinganelisekanga bubomi basetempileni yaye ndabuyela ekhaya xa ndandineminyaka eli-14 ubudala. Ngokukhawuleza emva koko, uPol Pot owayeyinkokeli yezopolitiko waqalisa ukulawula. Umbutho wakhe owawubizwa ngokuba yiKhmer Rouge, owawubambe iintambo zolawulo ukususela ngowe-1975 ukusa kowe-1979, wanyanzela abantu ukuba baphume baphele ezixekweni baye kuhlala emaphandleni, ezama ukwenza iKhambodiya ukuba ibe lilizwe lamaKomanisi. Nentsapho yasekhaya yaya kuhlaliswa kwenye indawo. Emva koko, amadoda kaPol Pot athabatha utata nomalume. Asizange siphinde sibabone. Enyanisweni, ngexesha lokulawula kweKhmer Rouge, abemi baseKhambodiya abamalunga ne-1,7 sezigidi bafela kumathafa edabi, abanye babulawa kukusebenza nzima, zizifo okanye yindlala.

Ezi meko zabangela ukuba thina bangama-2 000 abakhankanywe ekuqaleni kweli nqaku, sithabathe uhambo oluyingozi olwathabatha iintsuku ezintathu kummandla weentaba de saya kufika kwimida yaseThailand. Saya kufika sonke sisaphelele kuquka umntwana oyinkwenkwe owazalelwa endleleni. Abaninzi kuthi babephethe imali kodwa sayilahla kuba ngelo xesha imali yaseKhambodiya yayingenaxabiso eThailand.

Ubomi EThailand

Intsapho yakowethu yafika yahlala nezalamane zethu eThailand, yaye ndafumana umsebenzi wokuloba. Sasidla ngokuya kuloba kulwandle lwaseKhambodiya, kwakukho iintlanzi ezininzi apho yaye kwakusoloko kuzele namaphenyane anamajoni eKhmer Rouge. Ukuba loo majoni ayenokusibamba sasinokuphulukana nephenyane lethu aze asibulale. Enyanisweni, saphantse sabanjwa izihlandlo ezibini. Abanye abazange basinde, kuquka nommelwane wam, owabanjwayo waza wanqunyulw’ intloko. Nangona ukufa kwakhe kwandidandathekisa, ndaqhubeka ndiloba kunxweme lwaseKhambodiya—kwakunyanzelekile ukuba ndisebenze ukuze intsapho yakowethu ingabhuqwa yindlala.

Kuba ndandixhalabele intsapho yakowethu ndagqiba kwelokuba ndiye kwinkampu yeembacu eThailand, ukuze ndifake isicelo sokufudukela kwelinye ilizwe, ndize xa ndilapho ndithumele imali ekhaya. Ndathi ndakuchazela izalamane zam ngale nto, zayibhebhetha. Kodwa ndandisele ndisenzile isigqibo.

Kwinkampu yeembacu, ndadibana nabantu abathetha isiNgesi yaye bandixelela ukuba bangamaKristu. Ndatsho ndayeka ukucinga ukuba ubuBhuda kuphela kwenkonzo ekhoyo. Mna nomhlobo wam uTeng Hann sanxulumana nala “maKristu,” yaye asifundisa iBhayibhile aza asipha nokutya. Ndahlala kule nkampu isithuba esingangonyaka yaye emva koko ndafaka isicelo sokuya kuhlala eNew Zealand.

Ubomi Obutsha ENew Zealand

Isicelo sam samkelwa ngoMeyi 1979, yaye kungekudala emva koko ndaya kwinkampu yeembacu yaseAuckland. Omnye umntu onobubele wandifunela umsebenzi kumzi-mveliso okwidolophu yaseWellington. Ukufika kwam apho, ndazibhokoxa emsebenzini ndaza ndathumela imali ekhaya ngokwesithembiso endandisenzile.

Ekubeni ndandifuna ukufunda ngobuKristu, ndaya kwiicawa ezimbini zamaProtestanti. Ayengathethi kangako ngeBhayibhile. Kuba ndandifuna uthandaza ngendlela efanelekileyo, umhlobo wam wandifundisa umthandazo weNkosi okanye uBawo Wethu Osezulwini. (Mateyu 6:9-13) Kodwa akakho umntu owandicacisela intsingiselo yawo. Ngokufanayo nomthandazo wamaBhuda, ndandicengceleza amazwi ngokuphindaphindiweyo ndingayiqondi intsingiselo yawo.

Iingxaki Zomtshato

Ndatshata ngowe-1981. Emva konyaka sitshatile, mna nomfazi wam sabhaptizwa, umfundisi wasifefa ngamanzi entloko. Ngoko ndandinezingxungxo ezimbini, ikhaya elihle, ndiphila ubomi obusemgangathweni—izinto endandingenazo eKhambodiya. Sekunjalo ndandingonwabanga. Sasineengxaki emtshatweni wethu, yaye ukuya kwethu ecaweni kwakungancedi nganto. Nendlela endandiziphethe ngayo yayibangela ingxaki, kuba ndandingcakaza, nditshaya, ndilinxila yaye ndithandana namanye amabhinqa ecaleni. Kodwa ke, ndandityiwa sisazela, yaye ndandithandabuza ukuba ndiza kuya ezulwini, apho ndandixelelwe ukuba abantu abalungileyo baya khona xa befile.

Ngowe-1987, ndathumelela umama nodadewethu imali yokuza eNew Zealand, yaye bahlala nathi kangangethutyana. Umama nodadewethu bafudukela komnye ummandla waseAuckland yaye ndahamba kunye nabo.

Ekugqibeleni Ndafunda IBhayibhile

Xa ndandivela kwindlu yomhlobo wam, ndadibana namadoda amabini awayengena kwindlu ngendlu. Enye yawo, egama linguBill, yathi, “Ucinga ukuba uza kuyaphi xa ufile?” Ndaphendula ndathi, ‘ezulwini.’ Yandibonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba bali-144 000 kuphela abantu abaya ezulwini, apho baya kulawula njengookumkani phezu komhlaba. Yandixelela ukuba emhlabeni kuya kuhlala izigidi zabantu aboyika uThixo, uze uguqulwe ube yiparadesi. (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 4; 21:3, 4) Le mfundiso yandicaphukisa, kuba yayingqubana naleyo ndandiyifundiswe ngaphambili. Kodwa into eyandichukumisayo yindlela la madoda awayeyazi ngayo iBhayibhile nendlela awayezole ngayo. Enyanisweni, ndazisola ngokungawabuzi igama lenkonzo yawo.

Kwiiveki ezimbalwa kamva, ndatyelela omnye umhlobo wam owayenabantwana ababeqhutyelwa isifundo seBhayibhile nguDick noStephanie. Babefunda incwadana ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! Ndayifunda ndafumanisa ukuba izinto ezithethwa apho ziyavakala. Ndafumanisa nokuba uDick noStephanie ngamaNgqina kaYehova. Ndatsho ndaqonda ukuba amadoda amabini endandidibene nawo ayengamaNgqina nawo, kuba ayethetha izinto ezikule ncwadana.

Ekubeni ndandifuna ulwazi olungakumbi, ndamemela uDick noStephanie endlwini yam, ndaza ndababuza imibuzo emininzi yeBhayibhile. Emva koko, uStephanie wandibuza ukuba ndiyalazi kusini na igama likaThixo. Wandifundela iNdumiso 83:18, ethi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Eso sibhalo sandichukumisa, yaye ndaqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo. Intombazana yaseLaos egama linguLa endandihlalisana nayo, yayiphulaphula xa ndiqhutyelwa isifundo. Ekuhambeni kwexesha, ndathumelela umntakwethu nomfazi wakhe imali ukuze beze eNew Zealand. Nabo bafika bafunda iBhayibhile namaNgqina.

Kungekudala emva koko, mna noLa sayeka ukufunda kuba safudukela eOstreliya ngenxa yomsebenzi. Nangona sasixakeke kukufuna imali, sasifuna ukufunda iBhayibhile kwakhona. Ngoko ke, ngobunye ubusuku sathandaza ngokunyanisekileyo sicela uYehova ukuba asenze sidibane nabantu bakhe.

Umthandazo Wethu Uyaphendulwa

Emva kweentsuku ezimbalwa, xa ndandivela evenkileni ndafika kumi amaNgqina amabini emnyangweni wam. Ndambulela uYehova entliziyweni, yaye mna noLa saphinda sathath’ apho sasiyeke khona nesifundo sethu. Saya nakwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni. Kodwa ke, ndaqonda ukuba ukuze ndikholise uThixo, kufuneka nditshintshe indlela endiphila ngayo. Ngenxa yoko, ndayiyeka imikhwa emibi endandiyenza, ndacheba neenwele zam ezinde. Abahlobo bam bakudala babendihleka, kodwa nangona ndandisiba nomsindo ndandizibamba. Kwafuneka ndiqhawule umtshato nomfazi wam wokuqala ukuze ndikwazi ukutshata noLa ngokusemthethweni. Ngoko ke, ngowe-1990, mna noLa sabuyela eNew Zealand.

Ngokukhawuleza, safowunela uDick noStephanie. UStephanie wathi: “Sam, bendicinga ukuba asoze siphinde sinibone!” Saqhubeka nesifundo sethu nabo, yaye amaphepha oqhawulo-mtshato afika ngokukhawuleza, mna noLa satshata sinesazela esicocekileyo phambi koThixo. Ngoxa sasiseNew Zealand, sazahlulela kuThixo saza sabhaptizwa. Kuba ndifuna ukwabelana nabanye ngoko ndikufundileyo, ndaqhuba izifundo zeBhayibhile nabantu abaliqela baseKhambodiya nabaseThailand ababehlala eAuckland nakwimimandla ekufutshane.

Sabuyela EOstreliya

Mna noLa sabuyela eOstreliya ngoMeyi 1996, yaye sahlala eCairns kumntla weQueensland. Ndinelungelo lokwalathisa umsebenzi wokushumayela kubantu baseKhambodiya, abaseLaos nabaseThailand abakulo mmandla.

Ndinombulelo ongazenzisiyo kuYehova ngokundisikelela kwakhe ngeendlela ezininzi, ndinomfazi omhle, noonyana abathathu—uDaniel, uMichael, noBenjamin. Ndivuya gqitha kuba umama, udadewethu, umntakwethu, umkhwekazi, nomhlobo wam endamfumana kwinkampu yaseThailand, uTeng Hann, nabo bayamkela inyaniso yeBhayibhile. Mna nentsapho yakowethu, sisebuhlungu ngokuphulukana notata nomalume, kodwa asikho buhlungu ngokugqithisileyo. Siyazi ukuba eluvukweni uThixo uya kukuphelisa konke okungekho sikweni yaye ezo zinto “aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.”—Isaya 65:17; IZenzo 24:15.

Kwiminyaka edlulileyo, kwenye indibano yamaNgqina kaYehova ndabona ubuso endibuqhelileyo. YayinguBill, owakha wandityelela kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Ndambuza: “Usandikhumbula?”

Waphendula wathi: “Ewe ndisakukhumbula! Ndadibana nawe eNew Zealand kwiminyaka eyadlulayo, ndaza ndakuxelela ukuba bali-144 000 kuphela abantu abaya ezulwini.” Nakuba kwakudlule iminyaka emininzi uBill wayesandikhumbula. Sawolana saza sancokola ngezinto zakudala, sele singabazalwana.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 21]

Background: AFP/Getty Images