Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

“Kuye kwalahleka imifanekiso engama-160 000 kwiimyuziyam zaseRashiya.”—IRIA NOVOSTI, ERASHIYA.

“Isiphekepheke esenziwe yiNASA esiyiPhoenix Mars Lander siye safumanisa ikhephu kuMars.”—I-“NASA MISSION NEWS,” EUNITED STATES.

“Ama-65 ekhulwini abaqhubi kunye nabakhweli abaye bafa kwiindlela zaseGrisi abakhange bawabophe amabhanti okanye banxibe izigcina-ntloko.”—IEIKONES, EGRISI.

Impahla Elahlekayo

Kuqhelekile ukuba abantu balahlekelwe yimpahla yabo xa behamba ngenqwelo-moya. I-International Herald Tribune ithi ngowama-2007, “kuye kwalahleka iibhegi ezizizigidi ezingama-42, zingaphezu kwama-25 ekhulwini kunezo zalahlekayo ngowama-2006.” Uninzi lwezo bhegi lwathunyelwa kubaninizo kungaphelanga iiyure ezingama-48, kodwa isi-3 ekhulwini sazo, “ibhegi enye kubakhenkethi abangama-2 000, asizange sifunyanwe.” Ngowama-2007 iinqwelo-moya ziye zaphulukana neerandi ezingama-38 ngenxa yempahla elahlekileyo. Enye yezinto ezingunobangela “kukwanda kwamanani abakhweli, namaxesha afinyeneyo okuhamba kweenqwelo-moya,” ukungaphathwa kakuhle kwempahla, nokuphithaniswa kwamagama ancanyathiselweyo.

Ukuhlalisana KwamaKatolika

Iphephancwadi iPopulation & Sociétés lithi kuhlolisiso lwaseFransi kuye kwafunyaniswa ukuba “unqulo alusabuchaphazeli kangako” ubomi nemilinganiselo yabantu, kungakhathaliseki ukuba bakoluphi na unqulo. Ngokomzekelo, ama-88 ekhulwini abantu abaselula abaneminyaka ephakathi kwe-18 ukuya kuma-24 eFransi athi ngamaKatolika, kodwa ama-80 ekhulwini kuwo akasalubeki ecaweni ngaphandle nje kokuya emitshatweni, kubhaptizo, okanye emingcwabeni. Ukuwohloka kwemilinganiselo kuyabonakala kubomi bentsapho. Kwiminyaka engama-40 eyadlulayo, isibini esi-1 kwezili-10 sasihlalisana ngaphambi kokuba sitshate. Namhlanje zisi-9 kwezili-10 ezihlalisanayo. Olo hlolisiso lubonise ukuba “phakathi kwamaKatolika aya rhoqo ecaweni, ngama-75 ekhulwini ahlalisanayo ngaphambi komtshato.”

Ukwanda Kwabalimi Abazibulalayo EIndiya

Iphephandaba iThe Hindu lithi ukususela ngowama-2002, abalimi abangaphezu kwe-17 000 nyaka ngamnye baye bazibulala ngokusebenzisa izibulala zinambuzane. Phakathi kwezinye iingxaki abalimi abajamelene nazo yimbalela, ukuwa kwamaxabiso esivuno, nokunyuka kwamaxabiso ezolimo, nengxaki yokungakwazi ukuthenga ngetyala ebhankini. Ngenxa yoko, abalimi abaninzi babhenela kubantu ababolekisa ngemali, abatyabula inzala yemali exhomileyo, bebashiya benamatyala amakhulu. Ukuze bahlawule amatyala abo, abanye abalimi bathengisa ngamalungu omzimba wabo. Noko ke, xa oko kungaphumeleli okanye kungekho ndlela yimbi, amawaka abhenela ekuzibulaleni.

Iingwenya ZomNayile Zinxibelelana Ngaphambi Kokuzalwa

IThe Times yaseLondon ithi “amantshontsho eengwenya ayanxibelelana esengaphakathi kwamaqanda.” Oko kunxibelelana ngaphambi kokuba aqanduselwe kwarekhodwa. Oko kurekhodiweyo kwadlalelwa amanye amatshontsho ayesemaqandeni. Loo mantshontsho ayesemaqandeni aqalisa ukushukuma kakhulu ngaphezu kwalawo angadlalelwanga oko kurekhodiweyo. Le ngxelo ithi, “loo mantshontsho angekazalwa eengwenya aqandusela kwimizuzu elishumi emva kokuba amanye eqandusele.” Amaqanda awayekwindawo ezolileyo akazange aqandusele kunye namanye amaqanda.