Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokuhlangabezana Noxinezeleko

Indlela Yokuhlangabezana Noxinezeleko

URUTH othwaxwe luxinezeleko kangangeminyaka emininzi uthi: “Sinomyeni wam siye safumana unyango, satshintsha indlela esiphila ngayo saza sazenza lula izinto ukuze ndikwazi ukuhlangabezana nemeko endikuyo. Kubonakala ngathi unyango endilufumeneyo luyasebenza, yaye akusafani nakuqala. Kodwa xa bekubonakala ngathi akukho nto incedayo, ndikhuthazwe luthando lomyeni wam nolwezihlobo zethu ukuze ndinganikezeli.”

Njengoko sinokubona kwimeko kaRuth, abantu abathwaxwa luxinezeleko bafuna ukuxhaswa kangangoko kunokwenzeka, baze banikwe naluphi na unyango lwezamayeza olunokufumaneka. Kunokuba yingozi ukungalunyangi uxinezeleko kuba oko kunokubeka ubomi esichengeni. Kwiminyaka emalunga namawaka amabini eyadlulayo, uYesu Kristu wayitsho into yokuba abo banolwazi kwezonyango banokusinceda, xa wathi ‘ugqirha ufuneka kwabo bagulayo.’ (Marko 2:17) Isibakala sikukuba oogqirha banokuzidambisa iintlungu kubantu abaninzi abaxinezelekileyo. *

Iindlela Ezinokuba Luncedo

Zininzi iindlela olunokunyangwa ngazo uxinezeleko, kodwa zixhomekeke kwiimpawu nomkhamo ogula ngawo. (Bona ibhokisi enomxholo othi,  “Unaluphi Uhlobo Loxinezeleko?”) Abantu abaninzi banokuncedwa ngugqirha abadla ngokuya kuye, kodwa abanye bafuna uncedo olukhethekileyo. Ugqirha unokuncomela unyango lokuthomalalisa uxinezeleko okanye ezinye iindlela ezinokuba luncedo. Abanye baye bancedwa ngamayeza esintu, ukutshintsha indlela abatya ngayo okanye ukuba nocwangciso lokwenza umthambo.

Imiba Eqhelekileyo

1. Abahlobo abaneenjongo ezintle abanofifana okanye abangenalwazi lwezonyango banokukuxelela ngonyango onokulwamkela okanye ulugatye. Basenokufuna ukuchaza izimvo zabo ngokuba ufanele usebenzise amayeza esintu, unyango lukagqirha okanye ungasebenzisi nto kwaphela.

Phawula: Qiniseka ukuba nawaphi na amacebiso owamkelayo, avela kumthombo onokuthenjwa. Nguwe onembopheleleko yokwenza isigqibo esifanelekileyo.

2. Ukudimazeka kunokubangela umntu ogulayo aluyeke unyango alukhethileyo kuba ebona ngathi akade abe bhetele okanye lumenza agule.

Phawula: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” (IMizekeliso 15:22) Unyango lunokumnceda umntu ogulayo xa kukho unxibelelwano olululo phakathi kwakhe nogqirha. Mchazele ngokucacileyo ugqirha ngezinto ezikuxhalabisayo okanye izinto ogula zizo, uze umbuze enoba kufuneka ulutshintshe unyango akunika lona okanye ubambelele kulo de ulubone lukunceda.

3. Ukuzithemba ngokugqithiseleyo kunokwenza umntu ogulayo aluyeke ngokukhawuleza unyango kwiiveki nje eqalile ukulusebenzisa kuba eziva ngathi ubhetele. Usenokulibala ukuba ebegula kangakanani ngaphambi kokuba aqalise olo nyango.

Phawula: Ukukhawuleza uyeke unyango, engatshongo ugqirha kunokuba yingozi yaye kunokubeka ubomi bakho esichengeni.

Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yezonyango, uMbhali wayo, uYehova uThixo, unguMdali wethu. Inqaku elilandelayo liza kuthuthuzela lize linikele ulwalathiso lweLizwi likaThixo kwabo baxinezelekileyo nakwabo babanyamekelayo.

^ isiqe. 3 UVukani! akancomeli nyango luthile lukhethekileyo. Mntu ngamnye ufanele azihlolisise kakuhle izibakala ngaphambi kokuba azikhethele unyango olufanelekileyo.