Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyesi-4—Khusela Impilo Yakho

Eyesi-4—Khusela Impilo Yakho

“Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Ukuzikhusela kunokukunceda uphephe ukugula nokuxhwaleka uze wonge ixesha nemali.

Hlala ucocekile ngalo lonke ixesha. IU.S. Centers for Disease Control and Prevention ithi: “Ukuhlamba izandla yeyona nto ibalulekileyo onokuyenza ukuze uthintele ukwanda kweentsholongwane nokuze uhlale usempilweni.” Kuthiwa izifo ezininzi zisasazwa zizandla ezingacocekanga. Ngoko hlamba izandla zakho rhoqo ebudeni bemini. Hlamba izandla zakho ngaphambi kokutya, ngaphambi kokuba upheke, ngaphambi kokuba ubophe isilonda uze uzihlambe nasemva kokuba uye waphatha isilwanyana, xa usuka ngasese okanye xa ugqiba kutshintsha ilweyile lomntwana.

Ukuhlamba izandla ngesepha namanzi kubhetele kunokuzihlamba ngezinye izinto. Abantwana baba sempilweni xa abazali babo bebafundisa ukuhlamba izandla nokuba bangamane bezifaka emlonyeni nasemehlweni. Ukuhlamba umzimba nokunxiba impahla ecocekileyo uze ulale ngeengubo ezicocekileyo nako kunokukunceda uhlale usempilweni.

Lumkela izifo ezosulelayo. Kulumkele ukusondela kakhulu kubantu abanomkhuhlane yaye musa ukutya ngezinto ebebesitya ngazo. Amathe nemifinya yabo inokukosulela ngomkhuhlane. Izifo ezisegazini njengesifo sesibindi noGawulayo, ngokuyintloko zidluliselwa ngesondo, ngokuzitofa ngenaliti enye nomntu onaso nangokutofela igazi. Zikho izitofu ezithintela ukosulelwa zizifo ezithile kodwa umntu olumkileyo ufanele athathe amanyathelo okuzikhusela xa ekunye nomntu onesifo esosulelayo. Kulumkele ukulunywa zizinambuzane. Musa ukuhlala okanye ulale phandle ungakhuselekanga xa kukho iingcongconi okanye izinambuzane ezithwala izifo. Khusela ngokukodwa abantwana bakho ngokusebenzisa izinto ezigxotha izinambuzane. *

Gcina ikhaya lakho licocekile. Yenza konke okusemandleni akho ukugcina ikhaya lakho licocekile, ngaphakathi nangaphandle. Zidibe iindawo anokuma kuzo amanzi ukuze uthintele ukwanda kweengcongconi. Inkunkuma nokutya okungagqunywanga kutsala izinambuzane neempuku zinto ezo ezinokubangela izifo. Ukuba awunayo indlu yangasese kubhetele uyakhe kunokuba uzimele ngezicithi. Yakha indlu yangasese evalekileyo ukuze kungabhuz’ iimpukane kuba zibangela isifo samehlo nezinye izifo.

Kulumkele ukuzenzakalisa. Thobela imithetho yokhuseleko xa usebenza, ukhwele ibhayisekile okanye isithuthuthu naxa uqhuba imoto. Qiniseka ukuba imoto yakho ikhuselekile. Sebenzisa izinto zokuzikhusela nempahla yokusebenza njengeendondo zokukhusela amehlo, umakarabha, izihlangu ezifanelekileyo, unxibe ibhanti lemoto nento yokukhusela iindlebe. Kuphephe ukuba selangeni ixesha elide kuba kubangela umhlaza nokwaluphala kolusu ngaphambi kwexesha. Ukuba uyatshaya, yeka. Ukuyeka ngoku kuza kuwanciphisa kakhulu amathuba okuhlaselwa sisifo sentliziyo, umhlaza wemiphunga nokufa icala. *

^ isiqe. 5 Sicela ufunde inqaku elithi “When Insects Spread Disease” kuVukani! wesiNgesi kaMeyi 22, 2003.

^ isiqe. 7 Sicela ufunde inqaku elithi “Indlela Yokuyeka Ukutshaya” kuVukani! kaMeyi 2010.