Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Imbono YeBhayibhile

Ngaba Iinkwenkwezi Ziyabuchaphazela Ubomi Bakho?

Ngaba Iinkwenkwezi Ziyabuchaphazela Ubomi Bakho?

Ngaba uyandithanda?

Ngaba ndimele ndikhenkethe namhlanje?

Ngaba ndiza kuwufumana la msebenzi?

UKUZE baphendule imibuzo efana nale ingasentla, abaninzi baye baphethukele ekuvumiseni ngeenkwenkwezi. *Kodwa, ngaba iinkwenkwezi zibuchaphazela ngokwenene ubomi bakho? Ngaba zinokukunceda wazi ngakumbi ngekamva okanye ngesiqu sakho? Ithini iBhayibhile?

Ngaba Iinkwenkwezi Zinokuchaphazela Ikamva Lethu?

Abanye abantu bakholelwa ukuba asinakuliphepha ikamva. Bathi ikamva libhalwe phantsi, yaye sinokulifunda kwiinkwenkwezi. Kodwa iBhayibhile ibonisa okwahlukileyo. Ithi uThixo unike abantu ukhetho. Oko kuthetha ukuba, ukuya kutsho kumkhamo othile, abantu bayakulawula oko kwenzeka kubo. Ngokomzekelo, uThixo wathi kumaSirayeli: “Ndibeke phambi kwakho ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso; nyula ke ubomi ukuze uphile, wena nenzala yakho.”—Duteronomi 30:19.

Ngaloo mazwi, uThixo wakwenza kwacaca ukuba amaSirayeli ayenako ukulilawula ikamva lawo. Ukuba ayeyithobele imigaqo kaThixo,  ayeya kufumana iintsikelelo. Xa engathobeli ayeya kuzizisela ubunzima.

Qwalasela: Ukuba ikamva lomSirayeli ngamnye belibhalwe kwiinkwenkwezi, ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukuba uThixo athi mabakhethe ubomi? Ngokuqinisekileyo bekuyakuthetha ukuba uThixo akananceba, ukuba ebeza kohlwaya amaSirayeli ngezenzo angenamandla ukuzilawula.

Oko sikufunda eBhayibhileni kucacile: Ubomi bethu buxhomekeke kwizigqibo esizenzayo—kungekhona kwiinkwenkwezi.—Galati 6:7.

Ngaba Iinkwenkwezi Zinokubuchaphazela Ubuntu Bethu?

Izazi ngeenkwenkwezi ezininzi azingqinelani nengcamango yokuba ikamva lichazwe kwangaphambili. Enye ingcali ngeenkwenkwezi ithi: “Ikamva lethu lixhomekeke kuthi. Kwelinye icala, ixesha esazalwa ngalo lichaphazela ubuntu bethu.” Abantu abaninzi bayakukholelwa oko. Bavakalelwa kukuba, kuba iinkwenkwezi nezinye izijikelezi langa zichaphazela ubume bomhlaba, zinokubuchaphazela nobuntu bethu. Ithini iBhayibhile?

IBhayibhile asiyoncwadi yenzululwazi, echaza zonke iinkcukacha ngomzimba womntu nendalo. Nangona kunjalo, iyayichaza injongo kaThixo yokudala izikhanyiso ezisesibhakabhakeni. IGenesis 1:14 ithi: “Wahlabela mgama ke uThixo wathi: ‘Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu ukuze zahlukanise imini nobusuku, yaye zimele zibe yimiqondiso yamaxesha nemihla neminyaka.’”

Qwalasela: Ukuba uThixo ebedale iinkwenkwezi ukuze zichaphazele ubuntu bethu, ngaba ebengayi kusichazela oko?

Sinokugqiba ngelithini? Iinkwenkwezi ziyinxalenye yendalo kaThixo emangalisayo, kodwa azibuchaphazeli ubuntu bethu.

Indawo Elungileyo Esinokufumana Kuyo Ukhokelo

Ukuba sinomnqweno wokufunda ngekamva okanye sifuna ukuzazi, intle lo nto. Kodwa ikho indawo ebhetele esinokukhangela kuyo, kuneenkwenkwezi.

IBhayibhile ichaza uYehova ‘njengaLowo uxela ukuphela kwasekuqaleni.’(Isaya 46:10) Unenjongo aya kuyiphelelisa. (Isaya 55:10, 11) Sinokufunda ngenjongo kaThixo eBhayibhileni. Le ncwadi ingcwele yakudala, ichaza isizathu sokuba sibandezeleka, nendlela uThixo ayakuzisa ngayo isiqabu kwiingxaki ezikhathaza uluntu. *2 Petros 3:13; ISithyilelo 21:1-4.

Xa sifuna ukufunda nokuphucula ubomi bethu, iBhayibhile yeyona ncwadi inokusinika ukhokelo olululo. Ngoba? Kuba ukuyifunda kusinceda sizihlole ngokunzulu. Ngokomzekelo, iBhayibhile ifundisa ukuba uYehova nguThixo “onenceba,” “ozeka kade umsindo,” yaye “ukulungele ukuxolela.”(Eksodus 34:6; INdumiso 86:5) Kodwa ngaba nathi sinjalo? IBhayibhile inokuveza iingcinga zethu eziphosakeleyo, ize isincede siphucule apho kuyimfuneko khona.

Ngoko akuyomfuneko ukuba sijonge kwiinkwenkwezi ukuze sifunde ngathi okanye ngekamva lethu. Kunoko, iBhayibhile inokusinceda, kuba ‘iphefumlelwe nguThixo kwaye iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni nasekulungelelaniseni izinto.’—2 Timoti 3:16, 17.

^ isiqe. 6 Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kukufunda ngeenkwenkwezi, ilanga, inyanga kunye nezijikelezi langa, ngenkolelo yokuba ezi nxalenye zendalo zichaphazela ubomi bethu, yaye zinokusinceda siziqonde.

^ isiqe. 19 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngenjongo kaThixo, funda isahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.