Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EUnited States

INew York Times ithi: “Umqeshi ulahlekelwa . . . yi-R57 520 ngonyaka ngenxa yomqeshwa otshayayo xa kuthelekiswa nomqeshwa ongatshayiyo.” Abaphandi beYunivesithi yaseOhio bathi, le lahleko ibangelwa kukumane bephuma besiya kutshaya, iindleko zezonyango, nokungayi emsebenzini. Esinye isizathu kukwehla kwengeniso, ekusenokwenzeka ukuba kubangelwa kukungakwazi ukusebenza kakuhle kuba bezama ukwahlukana nomkhwa wokutshaya.

EItali

“Abefundisi kunye namanye amakholwa bathetha le, benze leya, nto leyo ebangela ukuba iCawa ingathenjwa.”—UPopu Francis.

EMalaysia

Abasemagunyeni baseMalaysia babhaqe iimpondo zendlovu ezingaphezu kwe-1 000, ezinobunzima obuziitoni eziyi-24. Ziye zathutyeleziswa ngondlela-mnyama kwelo lizwe, zifihlwe kwizibonda zomthi ezibini. Abantu abalwela ukhuseleko lwendalo bathi yayikokokuqala ngqa ukuba kubhaqwe iimpondo zendlovu ezininzi ngolo hlobo. Zazisuka eTogo zisingise eTshayina.

EAfrika

IWorld Health Organization ngo-2012 ikhuphe ingxelo yokuba, i-63 pesenti yabantu abafayo kweli ibulawa zizifo ezosulelayo, ingakumbi iHIV/AIDS, isifo sotyatyazo, imalariya, iTB, nezifo zabantwana.

EOstreliya

Iya ixhaphaka into yokubona abantwana beqolozele efowunini nakwamanye amajelo e-elektroniki, bedlala imidlalo yokungcakaza. Eminye yale midlalo ide ibe ngathi yeyokoqobo, kodwa nje umahluko kukuba kuyo kulula ukuphumelela. Ingxelo yaseburhulumenteni ilumkisa ngelithi le midlalo isenokwenza ukungcakaza kubonakale kuyinto eyamkelekileyo ebantwaneni, “nto leyo esenokubangela ukuba babe nengxaki yokungcakaza xa bebadala.”