Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukumangalisa Kweenyembezi Zakho

Ukumangalisa Kweenyembezi Zakho

SIKHALA zisuka nje sakuba sizelwe. Enye ingcali icacisa ukuba xa sasiziintsana ezingakwazi kuthetha, ukulila kwakuyindlela yokuchaza ukuba kukho into esiyifunayo. Yintoni ke ngoko ebangela ukuba sintywizise iinyembezi njengoko sikhula, ngoxa sikwazi ukuthetha sichaze oko sikufunayo?

Zininzi izinto ezisenza silile. Sisenokulila ngenxa yentlungu nokuxakaniseka. Sisenokulila neenyembezi zovuyo, xa sinemincili okanye siphumelele. Ukanti iinyembezi ziyosulela. UMaría uthi: “Xa ndibona omnye umntu elila—nokuba uliliswa yintoni na—zisuke zithi waxa iinyembezi kum.” Mhlawumbi nawe wakha waliliswa yinto oyibone kwifilimu okanye oyive ebalini.

Enoba siyintoni isizathu, iinyembezi zithetha lukhulu. Incwadi ethi Adult Crying ithi: “Zimbalwa ezinye iindlela zokutsho okuninzi ngethutyana nje elingephi.” Iinyembezi zishukumisela esenzweni. Ngokomzekelo, abaninzi kuthi bakufumanisa kunzima ukungamhoyi umntu olilayo, kuba iinyembezi zakhe zibonisa ukuba uva iintlungu. Ngenxa yoko, sisenokuzama ukumthuthuzela okanye simncede.

Ezinye iingcali zikholelwa ukuba ukulila kwenza sikwazi ukukhupha intlungu engaphakathi, yaye ukuzibamba iinyembezi kusenokusigulisa. Ukanti abanye bemi ngelithi abukho ubungqina obungenakuphikiswa obubonisa ukuba ukulila kuluncedo. Noko ke, abaphandi baqikelela ukuba i-85 pesenti yamabhinqa kunye ne-73 pesenti yamadoda iye izive bhetele emva kokulila. UNoemí uthi: “Maxa wambi kuye kufuneke ndilile. Emva koko kuthi xibilili, ndize ndibone izinto ngendlela eyiyo.”

Abaphandi baqikelela ukuba i-85 pesenti yamabhinqa kunye ne-73 pesenti yamadoda iye izive bhetele emva kokulila

Kodwa ke asikokulila kuphela okusenza sizive bhetele. Indlela abanye abasabela ngayo ekulileni kwethu idlala indima ebalulekileyo. Ngokomzekelo, xa abanye besithuthuzela okanye besinceda, kutsho kuthi qabu. Kodwa ukuba ababethelwa  nangu-do, sisenokuziva siphoxekile okanye sidanile.

Kucacile ukuba ininzi into esingayaziyo ngokulila. Kodwa ke into esiyaziyo kukuba ukuntywizisa iinyembezi yenye yeendlela asinike zona uThixo zokubonisa iimvakalelo zethu.