Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EUnited States

Amanye amapolisa asebenzisa iteknoloji ukuze kungabi yingozi kakhulu ukuleqa iimoto ezibalekayo. Afakela isixhobo kumphambili weemoto zawo esenza kube lula ukufumana imoto ayileqayo. Esi sixhobo sidutyulwa sithi nca kuloo moto ileqwayo ukuze ikwazi ukubonwa ngekhompyutha ukuba iyaphi. Oko kunceda amapolisa ahambe emva kwayo ngesantya esikhuselekileyo.

EIndiya

Kuthelekelelwa ukuba yure nganye, kukho ibhinqa elibulawayo ngenxa yengxabano yekhazi. Nangona ukukhupha nokwamkela ikhazi kungekho mthethweni, ngo-2012 kwabulawa amabhinqa angaphezu kwe-8 200 kuba umkhwenyana okanye intsapho yakhe besithi ikhazi elikhutshiweyo lincinane.

ESwitzerland

Izixhobo ezincinane ezifakwe kumahlabankomo amathathu kwindawo azalela kuyo, ziye zabonisa ukuba ezi ntaka zabhabha iintsuku ezingaphezu kwe-200 zingakhange ziphumle xa zazifudukela eAfrika. Ukuhamba umgama omde ngaphandle kokuphumla bekukade kusaziwa kwizilwanyana zaselwandle kuphela.

KuMntla-Mpuma Afrika

Abaphangi beenqanawa baye baphanga iinqanawa eziyi-179 ngakunxweme loMntla-mpuma Afrika phakathi kuka-Aprili 2005 noDisemba 2012. Oku kuye kwaphumela ekukhutshweni kwemali yentlawulelo yabaphangi beenqanawa eyi-R4 bhiliyoni, ngokutsho koqikelelo lweBhanki Yehlabathi.