Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe Ngempilo

Makhe Sithethe Ngempilo

Nakuba ezonyango ziye zaphucuka, abantu basathwaxwa zizifo. Kodwa ubungqina bubonisa ukuba uninzi lwazo zezithintelekayo.

Ehlabathini

Umbutho iWorld Health Organization uqikelela ukuba ngo-2035 izigidi eziyi-24 zabantu ziya kufunyaniswa zinomhlaza. Le nto ithetha ukuba inani labantu abazizigidi eziyi-14 abanomhlaza ngoku liza kwenyuka nge-70 pesenti. Kucingelwa ukuba isiqingatha saba bantu siza kuba nomhlaza ngenxa yendlela esiziphethe ngayo njengokusebenzisa kakubi utywala, ukonqena, ukutyeba, imichiza ebangela umhlaza, nokutshaya.

EBritani

Urhulumente waseBritani uye wahlab’ iphulo lokuphanda into yokuba kungenzeka na ukuba abantu bosuleleke ngohlobo olusebantwini lwesifo senkomo (imad cow disease) ngokuthiwa igazi. UAndrew Miller olilungu lePalamente uthi: “Kusixhalabisa kakhulu ukuva ubungqina bokuba abantu basesesichengeni sokosuleleka sesi sifo singanyangekiyo.” Wongeza wathi: “Siye saxelelwa ukuba [abantu banokosuleleka] xa besethiwa igazi okanye xa befakwa ilungu lomzimba.”

ENorway

Uphando oluthathe iminyaka eyi-11 olwenziwe kubemi baseNorway abayi-63 000 lubonise ukuba ukukhathazeka kungenza bafikelele kwi-40 yeepesenti abo bamelwa yintliziyo. Omnye wababhali besebe laseYurophu elijongene nezifo ezinento yokwenza nentliziyo wathi istres asibangeli sifo sentliziyo nje kuphela kodwa senza ubani angabi namdla wokufuna uncedo olunokuphucula impilo yakhe.

EUnited States

Oososayensi baphanda ngeengxaki ezinokubangelwa kukutshaya. Kubakho iintsalela ezishiyeka xa ubani egqiba kutshaya kwiindawo zokuhlala, ihotele, nasezimotweni. Njengoko kuhamba ixesha, ezi ntsalela zinokuba yityhefu ngakumbi.