Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA IBHAYIBHILE ILUNCEDO NAMHLANJE?

Ukunyaniseka Emtshatweni

Ukunyaniseka Emtshatweni

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa.”Hebhere 13:4.

IINGENELO: Abanye abantu bacinga ukuba la mazwi awasasebenzi namhlanje. Bubuxoki obuphindaphindiweyo obo! Ukunganyaniseki emtshatweni kubangela intlungu engathethekiyo namhlanje njengokuba kwakunjalo nangexesha lokubhalwa kweBhayibhile.—IMizekeliso 6:34, 35.

UJessie ongumyeni kunye notata wathi: “Ukunyaniseka kwam nomkam emtshatweni wethu kuye kwasinceda sathandana saza sonwaba ngakumbi. Ukuthembana kubaluleke kakhulu emtshatweni. Ukunganyaniseki kubulala oko kuthembana emtshatweni”—asisathethi ke ngekamva elubuhlungu abanokuba nalo abantwana!

ULigaya * wabeka umtshato wakhe esichengeni. Uthi: “Ndaba nabahlobo abangalunganga, nto leyo eyenza ukuba ndiye nakwimijuxuzo yasebusuku, ndaza ndaphela ndikrexeza.” Ngaba bamonwabisa uLigaya obu bomi? Yena nomyeni wakhe babehlala begrwangxulana, wayengonwabanga kwaphela. Wongeza ngelithi: “Xa ndandicinga ngehlazo endazifaka kulo, ndabona ukuba abazali bam babenyanisile xa babesithi, ‘Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.’”—1 Korinte 15:33.

ULigaya wongeza athi: “Ngaphambi kokuba izinto zonakale ngakumbi ndagqiba kwelokuba ndiziyeke iindlela zam ezimbi, ndaza ndafunda iBhayibhile—ndikwasebenzisa nezinto endandizifunda.” Waba yintoni umphumo woku? Umtshato zange uqhawuke, ibe nendoda yakhe yaqalisa ukuba nobubele yaza yamhlonela. Uthi: “IBhayibhile yabutshintsha ubomi bam, yaye andizisoli ngokushiya abo tshomi-ndini neendlela zam ezimbi.”

^ isiqe. 6 Amanye amagama atshintshiwe.