Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kanye njengeplanga elinceda iphenyane lihambe kakuhle, nengqeqesho ibonisa umntwana indlela

KUBAZALI

6: Baqeqeshe

6: Baqeqeshe

KUTHETHA NTONI?

Igama elithi ukuqeqesha linokuthetha ukukhokela okanye ukufundisa. Ngamanye amaxesha, linokuthetha ukulungisa ukungalawuleki komntwana ibe liquka ukuqeqesha umntwana ukuze akwazi ukwenza izigqibo ezihle.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Mvanje, ingqeqesho ayisekho kwamanye amakhaya kuba abazali bathi ukubalungisa abantwana kunokubatyhafisa. Kodwa abazali abalumkileyo babamisela imithetho enezizathu ezivakalayo abantwana babo baze babancede baphile ngayo.

“Kufuneka abantwana baxelelwe into abamele bayenze nabangamele bayenze nto leyo eza kubanceda naxa bebadala. Ukuba abantwana abaqeqeshwa, baza kufana nenqanawa engazaziyo apho iya khona ize ekugqibeleni izike.”—Pamela.

YINTONI ONOKUYENZA?

Sukuyekelela. Ukuba umntwana wakho akayithobeli imithetho yakho, mxelele imiphumo yaloo nto. Kwelinye icala, soloko umncoma xa eyithobela.

“Ndisoloko ndibancoma abantwana bam xa bethobela kuba inqabile loo nto kweli hlabathi. Loo nto yenza kubelula ukuba bavume ukulungiswa xa kufuneka ndibalungise.”—Christine.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.”​—Galati 6:7.

Mcingele. Xa umqeqesha, cinga ngeminyaka yomntwana, ngezinto akwazi ukuzenza nokuba umoshe kangakanani. Imiphumo inokusebenza kakuhle xa ilinganiswa nomonakalo owenziweyo, ngokomzekelo xa umntwana engayisebenzisi kakuhle ifowuni unokuyeka ukuyisebenzisa kangangexesha elithile. Kodwa ke, awumele ucatshukiswe ziimpazamo zomntwana nje ezincinci kuba ungazithandi.

“Ndiye ndizame ukujonga ukuba umntwana wam umoshe ngabomi okanye wenze impazamo. Kukho umahluko phakathi komntu oqhubeka esenza impazamo enye nomntu owenze impazamo ngelo xesha, efuna nje ukulungiswa.”—Wendell.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.”​—Kolose 3:21.

Yiba nothando. Kulula gqitha kubantwana ukwamkela ingqeqesho baze bayisebenzise xa besazi ukuba umzali ubaqeqesha kuba ebathanda.

“Xa umntwana wethu esenza iimpazamo, siye simncome ngezigqibo ezihle awaye wazenza. Simchazele nokuba impazamo ayenzileyo ayithethi ukuba ungumntu ombi ukuba nje wenza utshintsho olufunekayo, futhi nathi sikhona ukuze simncede.”— Daniel.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele.”​—1 Korinte 13:4.