Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 1

Mfundise Ukuzibamba

Mfundise Ukuzibamba

KUTHETHA UKUTHINI UKUZIBAMBA?

Ukuzibamba

  • kukukwazi ukulinda

  • kukuzinqanda nokuba into uyirhalela kangakanani

  • kukuwugqiba umsebenzi noba awuwuthandi

  • kukungasoloko ufuna izinto ziqale kuwe

KUTHENI KUBALULEKILE UKUZIBAMBA?

Abantwana abakwaziyo ukuzibamba bayazinqanda ekwenzeni into embi, enoba loo nto ibonakala iza kubonwabisa. Kanti abangakwaziyo ukuzibamba

  • basenokuthanda ukulwa

  • basenokungonwabi

  • basenokutshaya, banxile okanye basebenzise iziyobisi

  • banokungatyi ukutya okusempilweni

Enye into efunyanisiweyo kukuba abantwana abakwaziyo ukuzibamba baba sempilweni, ababi namatyala okanye bophule umthetho xa bebadala. Loo nto ibangele ukuba uProfesa Angela Duckworth weYunivesithi yasePennsylvania athi: “Awenzi nto imbi xa uzibamba.”

UNGAMFUNDISA NJANI UMNTWANA UKUZIBAMBA?

Sukujika xa umnqanda.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “UEwe makabe nguEwe, uHayi wenu, abe nguHayi.”​—Mateyu 5:37.

Xa umzali esithi hayi, abantwana abaninzi baye bacaphuke, bagqushalaze baze bakhale kakhulu, mhlawumbi phambi kwabantu. Ukuba umzali uyajika kule nto ebemnqanda kuyo, umntwana uye abone ukuba ukugqushalaza kumnceda afumane le nto ayifunayo.

Xa umzali engajiki kwinto ayithethileyo, umntwana uye afunde ukuba umntu akanakusoloko efumana yonke into ayifunayo ebomini. UGqr. David Walsh uthi: “Abantu abaziyo ukuba umntu akasoloko efumana into ayifunayo ngabona bonwabileyo. Siyabamosha abantwana bethu xa sibafundisa ukuba baza kusoloko befumana yonke into abayifunayo bengakhange bayisebenzele.” *

Xa umntwana umfundisa uhayi esemncinci, uza kukwazi ukuzimela xa emdala. Ngokomzekelo, uza kwala xa kufunwa asebenzise iziyobisi, alale nomntu angatshatanga naye okanye enze nantoni na embi.

Mncede aqonde izinto ezinokwenzeka xa ekumamela naxa engakumameli.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.”​—Galati 6:7.

Mxelele umntwana wakho ukuba yonke into ayenzayo inemiphumo. Xa engakwazi ukuzibamba kuza kwenzeka izinto angazithandiyo. Ngokomzekelo, ukuba ukhawuleza abe nomsindo, abantu abazukufuna ukuhlala naye. Kanti ukuba uyakwazi ukuzibamba xa ecatshukiswa okanye ayeke umntu agqibe ukuthetha, abantu baza kumthanda. Ngoko, mncede aqonde ukuba xa ezifundisa ukuzibamba izinto ziza kumhambela kakuhle.

Mfundise ukuba azazi izinto ezibalulekileyo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: ‘Qiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’​—Filipi 1:10.

Ukuzibamba kusenza singenzi into embi, kukwasinceda sikwazi ukwenza into nokuba asiyithandi. Kubalulekile ukuba umntwana ayazi into ebalulekileyo aze aqale ngayo. Ngokomzekelo, makayazi ukuba umele aqale ngomsebenzi wesikolo ngaphambi kokuba ayokudlala.

Makakubone uzenza izinto omfundisa zona.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.”​—Yohane 13:15.

Umntwana wakho uza kukubona ukuba wenza ntoni xa into ungayithandi okanye ikucaphukisa. Makabone kuwe ukuba xa uzibamba izinto zihamba kakuhle. Ngokomzekelo, xa esenza into ongayifuniyo zibambe ungacaphuki.

^ isiqe. 20 La mazwi athathwe kwincwadi ethi, No: Why Kids​—of All Ages​—Need to Hear It and Ways Parents Can Say It.