Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYAYAZI INTO ENOKUKUNCEDA XA UNESTRES?

Ngaba Unestres?

Ngaba Unestres?

“Wonk’ umntu unaso istres, kodwa bonke abanakufika kum. Esam senziwa ziingxaki ezininzi, kukusokola, nokuba kudala ndisonga umyeni wam ogulayo nophazamisekileyo engqondweni.”​—UJill. a

“Inkosikazi yam yandishiya, loo nto yenza kwanyanzeleka ndikhulise abantwana ababini ndindedwa, kwakunzima nyhani. Zange kuphelele apho, ndaphelelwa ngumsebenzi, ndandingakwazi nokulungisa imoto yam. Ndandingazi nokuba mandithini. Ndandikhathazeke kakhulu. Kodwa ndandisazi ukuba andifanelanga ndizibulale, ngoko ndacela ukufa kuThixo.”​—UBarry.

Ngaba nawe ukhe ubenaso istres, njengoJill noBarry? Ukuba uyavuma, le magazini ingakunceda. Iza kuthetha ngezinto ezenza istres, izinto ezenzekayo xa umntu enaso nezinto ezinokukunceda.

a Amagama atshintshiwe.