Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYAYAZI INTO ENOKUKUNCEDA XA UNESTRES?

Senziwa Yintoni Istres?

Senziwa Yintoni Istres?

IMayo Clinic ithi: “Abantu abadala abaninzi bathi banestres kakhulu. Kweli xesha siphila kulo zininzi izinto ezitshintsha singalindelanga.” Nazi ezinye izinto ezenza istres:

  • uqhawulo-mtshato

  • ukuswelekelwa ngumntu omthandayo

  • ukugula kakhulu

  • iingozi ezimasikizi

  • ulwaphulo-mthetho

  • ubomi obutshintshatshintshayo

  • iingozi ezibangelwa yindalo okanye ngabantu

  • ukungonwabi emsebenzini okanye esikolweni

  • ukungasebenzi nokungabinamali