Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

5 Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?

5 Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?

Kutheni Kubalulekile Ukuba Siyazi Le Nto?

Ukuba sinaso isizathu sokukholelwa ukuba izinto ezibuhlungu ziya kuze ziphele, loo nto ifanele isincede sitshintshe indlela esibujonga ngayo ubomi, ize isenze sicinge kakuhle ngoThixo.

Khawucinge Ngoku

Abantu abaninzi bangathanda ukuziphelisa izinto ezibuhlungu, kodwa abanamandla kangako. Jonga ezi zinto:

Nangona zihambele phambili ezonyango . . .

  • Isifo sentliziyo iseyeyona nto ibulala abantu kakhulu.

  • Umhlaza ubulala iimiliyoni zabantu qho ngonyaka.

  • UGqirha uDavid Bloom wabhala kwincwadi ekuthiwa yiFrontiers in Immunology wathi, “Emhlabeni kukho izifo ezosulelayo ezininzi ekudala zikhona, ezinye zimane zivela, kanti ezinye zintsha.”

Nangona amanye amazwe enemali eninzi . . .

  • Qho ngonyaka kusweleka iimiliyoni zabantwana. Ixesha elininzi, le nto yenzeka kwiindawo ezihlala abantu abasokolayo.

  • Iibhiliyoni zabantu zihlala kwiindawo ezingacocekanga.

  • Iimiliyoni zabantu azinamanzi acocekileyo.

Nangona abantu abaninzi besazi ukuba bafanele babaphathe njani abanye . . .

  • Kwamanye amazwe kuthengiswa abantu. Ingxelo yeZizwe Ezimanyeneyo ithi kumazwe ekungekabanjwa mntu uthengisa abantu kungenxa yokuba, abayazi ukuba kukho into enjalo eyenzekayo okanye abakwazi ukujongana nayo.

    FUNDA OKUNGAKUMBI

    Bukela ividiyo ethi Yintoni Ubukumkani BukaThixo ku-jw.org/xh.

Ithini IBhayibhile?

UThixo usikhathalele.

Uyazazi iingxaki neentlungu zethu.

“[UThixo] akakhange amdelele ocinezelweyo okanye amenyanye xa esentlungwini; akakhange abufihle ubuso bakhe kuye. Xa wakhalela uncedo kuye, wamva.”​—INDUMISO 22:24.

“Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”​—1 PETROS 5:7.

Izinto ezibuhlungu ziza kuphela.

IBhayibhile isithembisa ukuba uThixo uza kuyiphumeza injongo yakhe ngathi.

“UThixo . . . uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.”​—ISITYHILELO 21:3, 4.

UThixo uza kuziphelisa izinto ezibangela abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu.

Ukuze aziphelise, uza kusebenzisa uBukumkani bakhe, iBhayibhile ebuchaza ngokuba ngoyena rhulumente.

“UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe. Obu bukumkani abuzukudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. . . . Bona buhlale bukho ngonaphakade.”​DANIYELI 2:44.