Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yazi Eyona Nyani

Yazi Eyona Nyani

Ingxaki

Umkhethe wenziwa kukungayazi inyani. Khawujonge le mizekelo:

  • Abanye abaqeshi benza impazamo yokucinga ukuba ngamadoda qha anokukwazi ukwenza imisebenzi edinga ubuchule obuninzi, amandla, nokuba krelekrele.

  • Abantu basekuhlaleni basenokutyhola abo basuka kwamanye amazwe ngokuthi babathathela imisebenzi yabo.

  • Abantu abaninzi badla ngokwenza impazamo yokucinga ukuba bonke abantu abaneziphene abonwabanga ibe bahlala banomsindo.

Abantu abakholelwa ezi zinto zibubuxoki baye bazifunele izizathu zokuzithethelela kuba benomkhethe, ibe bacinga ukuba nabani na ongavumelaniyo nabo akahoyi.

Umgaqo WeBhayibhile

“Umntu ongenalwazi akalunganga.”—IMIZEKELISO 19:2.

Ithetha ukuthini le nto? Xa singayazi inyani, senza izigqibo ezimbi. Ukuba sikholelwa izinto ezithethwa ngabantu ezibubuxoki, loo nto iza kusenza sibajonge kakubi abanye.

Indlela Ekunceda Ngayo Ukwazi Inyani Ngabantu

Xa sisazi inyani ngabantu, asizukukholelwa ubuxoki obuthethwa ngabantu abaninzi ngabo. Ibe xa sibona ukuba abantu bebexoka ngabantu abathile, asizophinda sikhawuleze sikholelwe yonke nje into esiyivayo.

Into Onokuyenza

  • Abantu basenokuthetha izinto ezimbi ngabanye, kodwa sifanele sikhumbule ukuba asinguye wonke umntu kwelo qela onjalo.

  • Yazi ukuba kusenokwenzeka ukuba zikhona izinto ongazaziyo ngabo bantu.

  • Buza inyani koyena mntu umthembileyo.