Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubulumko Obuza Kukunceda Ebomini Uze Wonwabe

Ubulumko Obuza Kukunceda Ebomini Uze Wonwabe

“Nangona ndisiba buhlungu xa ndibona izinto ezenzekayo emhlabeni—njengeemfazwe, indlala, izifo, nokuphathwa kwabantwana kakubi—Ngoku kubhetele kuba ndinalo ithemba.”—URANI. *

Xa uRani wafunda ukuba uThixo wethu ongusomandla—nowasidalayo, unokusinika ubulumko, wonwaba nyhani. Njengoko ufunda amanqaku alandelayo, jonga indlela izinto asifundisa zona ezinokukunceda ngayo ukuze . . .

  • ube nentsapho eyonwabileyo

  • uhlale ngoxolo nabanye abantu

  • ufunde ukonwaba nokwaneliseka

  • ufunde isizathu sokuba sisehlelwa zizinto ezibuhlungu size sife

  • ukholelwe ukuba kungekudala uMdali wethu uza kuziphelisa izinto ezibuhlungu aze asenze sonwabe ebomini

  • umazi uMdali wethu uze ube ngumhlobo wakhe

Ubulumko boMdali wethu abufunyanwa nje ngabantu abambalwa, kodwa wonke umntu obufunayo angabufumana.

^ Amagama akule magazini atshintshiwe.