Ubulumko Obuza Kukunceda Ebomini Uze Wonwabe
“Nangona ndisiba buhlungu xa ndibona izinto ezenzekayo emhlabeni—njengeemfazwe, indlala, izifo, nokuphathwa kwabantwana kakubi—Ngoku kubhetele kuba ndinalo ithemba.”—URANI. *
Xa uRani wafunda ukuba uThixo wethu ongusomandla—nowasidalayo, unokusinika ubulumko, wonwaba nyhani. Njengoko ufunda amanqaku alandelayo, jonga indlela izinto asifundisa zona ezinokukunceda ngayo ukuze . . .
ube nentsapho eyonwabileyo
uhlale ngoxolo nabanye abantu
ufunde ukonwaba nokwaneliseka
ufunde isizathu sokuba sisehlelwa zizinto ezibuhlungu size sife
ukholelwe ukuba kungekudala uMdali wethu uza kuziphelisa izinto ezibuhlungu aze asenze sonwabe ebomini
umazi uMdali wethu uze ube ngumhlobo wakhe
Ubulumko boMdali wethu abufunyanwa nje ngabantu abambalwa, kodwa wonke umntu obufunayo angabufumana.
^ Amagama akule magazini atshintshiwe.