Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ITeknoloji Ingayingxaki Njani Kubuhlobo Bakho Nabanye?

ITeknoloji Ingayingxaki Njani Kubuhlobo Bakho Nabanye?

Ngenxa yeewebhsayithi zokuncokola, iiemail, ukubhalelana iimessage nokuncokola ngevidiyo, abantu ababini abahlala kumazwe awohlukeneyo bayakwazi ukuncokola lula. Abantu abanje, bayisebenzisa kakuhle iteknoloji.

Kodwa abantu abaninzi abasebenzisa iteknoloji yodwa ukuze bancokole nabahlobo babo, baye babe neziingxaki zilandelayo . . .

  • baye bangayikhathaleli indlela abahlobo babo abavakalelwa ngayo.

  • baye bazive bengamalolo okanye bebodwa.

  • bacingela bona bodwa, ababacingeli abahlobo babo.

INTO OMELE UYAZI

UKUCINGELA ABANYE ABANTU

Ukuze sikwazi ukubacingela abanye abantu, kufuneka siziphe ixesha sicinga ngabo—inzima ke le nto xa sixakeke kukuthumela okanye ukufunda imiyalezo yethu nokujonga iiwebhsayithi zokuncokola.

Ukuba unemiyalezo emininzi, uza kubona kunzima nokuphendula umyalezo osuka kumhlobo wakho. Unokude ungayazi xa umhlobo wakho edinga uncedo kuba eyona nto iza kube ibalulekile kuwe kukuphendula le miyalezo yakho mininzi enoba ibalulekile okanye ayibalulekanga.

CINGA NGALE NTO: Ungababonisa njani abahlobo bakho ukuba ‘uyabavela’ naxa uncokola nabo usebenzisa iteknoloji?—1 PETROS 3:8.

UKUZIVA UWEDWA

Olunye uphando lwabonisa ukuba abantu abaninzi baye bangaziva kakuhle emva kokuba besebenzise iiwebhsayithi zokuncokola. Aba baphandi bagqiba kwelokuba, ukujonga iifoto zezinto abantu abazenzayo kunokumshiya umntu eziva ingathi “uchithe nje ngexesha lakhe.”

Enye into kukuba ukujonga iifoto ekonwatywe kuzo ezifakwe kwi-intanethi kunokwenza umntu azive ingathi akhonto imnandi ngobakhe ubomi. Le nto yenziwa kukuba iiwebhsayithi zokuncokola zenza kubonakale ingathi abanye abantu bonwabile, bube obethu ubomi busisithukuthezi.

CINGA NGALE NTO: Xa usebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, ungakuphepha njani ukuzithelekisa nabantu?—GALATI 6:4.

UKUZICINGELA WEDWA

Omnye utishala waqaphela ukuba abafundi bakhe babefuna ukuhoywa ngabahlobo babo, ibe eyonanto ababecinga ngayo kukuba, “Ngubani ongakwicala lam?” * Abahlobo abanjalo bayazicingela ibe bafuna kuncedakale bona bodwa. Abo bantu bacinga ukuba abahlobo babo bafana nefowuni ebonwabisayo xa befuna ukonwaba baze bangayihoyi xa bethanda.

CINGA NGALE NTO: Ngaba izinto ozifaka kwi-intanethi zibonisa ukuba uthanda ukukhuphisana nabanye, okanye uzicingela wedwa?—GALATI 5:26.

INTO ONOKUYENZA

YIJONGE INDLELA OYISEBENZISA NGAYO ITEKNOLOJI

Xa iteknoloji uyilawula, ingakulawuli, iza kukunceda ukwazi ukuthetha nabahlobo bakho nize niqinise ubuhlobo benu.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Uthando . . . aluzicingeli lona lodwa.”—1 KORINTE 13:4, 5.

Khetha izinto obawela ukuzenza kwezi zisezantsi, okanye uzibhalele ezakho.

  • Endaweni yokubathumelela imiyalezo okanye iemail, thetha nabantu ubuso ngobuso.

  • Yibeke ecaleni ifowuni xa uncokola nabanye

  • Linciphise ixesha olichitha ujonge iiwebhsayithi zokuncokola

  • Yiba ngumntu omamela kakuhle

  • Thetha nomhlobo osengxakini

^ isiqe. 17 Kutsho incwadi ethi; Reclaiming Conversation.