Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

LE YINCWADI yamabali ayinyaniso. Athatyathwe kweyona ncwadi ibalaseleyo ehlabathini, iBhayibhile. Amabali akuchazela ngembali yehlabathi ukususela kwixesha lokuqalisa kukaThixo ukudala de kube ngumhla wethu. Athetha nangezinto uThixo athembisa ukuzenza kwixesha elizayo.

Le ncwadi ikunika inkcazelo ngezinto eziseBhayibhileni. Ithetha ngabantu baseBhayibhileni nezinto abazenzayo. Kwakhona ibonisa ithemba elizukileyo lobomi obungunaphakade uThixo abuthembisa abantu kumhlaba oyiparadesi.

Kukho amabali ali-116 kule ncwadi. Ahlulahlulwe aba ngamacandelo asibhozo. Iphepha ekuqaleni kwecandelo ngalinye libalisa ngokufutshane ngezinto ezifunyanwa kwelo candelo. Amabali ayalandelelana ngokweziganeko ezenzeka embalini. Oku kukunceda ufunde indlela ezilandelelana ngayo iziganeko zembali.

Amabali abaliswe ngolwimi olulula. Uninzi lwenu bantwana bancinane niya kukwazi ukuzifundela amabali. Nina bazali niya kufumanisa ukuba abantwana benu abancinane baya kukuvuyela ukuba nibafundele la mabali ngokuphindaphindiweyo. Niya kufumanisa ukuba le ncwadi iqulethe izinto ezininzi ezibangela umdla kwabancinane nabakhulileyo ngokufanayo.

Iincwadi zeBhayibhile ziboniswe ekupheleni kwebali ngalinye. Nikhuthazwa ukuwafunda la macandelo eBhayibhile ekusekelwe kuwo amabali. Emva kokufunda ibali ngalinye, hlola imibuzo yelo bali efumaneka emva kweBali 116 uze uzame ukukhumbula iimpendulo zayo.