Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 1

Indalo Kuse KuMkhukula

Indalo Kuse KuMkhukula

Avela phi amazulu nomhlaba? Ilanga, inyanga neenkwenkwezi kwanezinto ezininzi emhlabeni, zabakho njani? IBhayibhile inikela impendulo eyinyaniso xa isithi zadalwa nguThixo. Ngoko incwadi yethu iqalisa ngamabali eBhayibhile angendalo.

Sifunda ukuba izidalwa zokuqala zikaThixo zazingabantu bomoya abafana naye. Babeziingelosi. Kodwa umhlaba wadalelwa abantu. Ngoko uThixo wenza indoda nomfazi ekuthiwa nguAdam noEva waza wababeka emyezweni okanye esitiyeni esihle. Kodwa abazange bamthobele uThixo baza balahlekelwa lilungelo lokuhlala bephila.

Lilonke ukususela ekudalweni kuka-Adam kuse kuMkhukula omkhulu, yiminyaka eli-1 656. Ebudeni beli xesha kwaphila abantu abaninzi ababi. Ezulwini kwakukho abantu abayimimoya engabonakaliyo, uSathana neengelosi zakhe ezimbi. Emhlabeni, kwakukho uKayin kwanabanye abantu abaninzi ababi, kuquka abantu ababenamandla ngokungaqhelekanga. Kodwa kwakukho nabantu abalungileyo emhlabeni—uAbheli, uEnoki noNowa. KwiCandelo LOKUQALA siza kufunda ngabo bonke aba bantu nangeziganeko zexesha labo.

 

KWELI CANDELO

IBALI 1

UThixo Uqalisa Ukudala

Ibali leGenesis kulula ukuliqonda kwaye lenza umdla​—nasebantwaneni.

IBALI 2

Umyezo Omhle

Ngokutsho kweGenesis, uThixo wenza igadi yase-Eden ngendlela ekhethekileyo. UThixo ufuna umhlaba wonke ube mhle njengaloo gadi.

IBALI 3

Indoda Nomfazi Bokuqala

UThixo wadala uAdam noEva wababeka egadini e-Eden. Umtshato wokuqala waba ngowabo.

IBALI 4

Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo

IGenesis isixelela indlela eyalahleka ngayo iparadesi yokuqala.

IBALI 5

Kuqalisa Ubomi Obunzima

Bakuphuma egadini yase-Eden, uAdam noEva baba neengxaki ezininzi. Ukuba babemthobele uThixo, babeza kuphila ubomi obumnandi nabantwana babo.

IBALI 6

Unyana Olungileyo, Nombi

Ibali likaKayin noAbheli elikwiGenesis lisifundisa ukuba sifanele sibe ngabantu abanjani​—nokuba ziziphi izinto ezimbi esizicingayo esimele sikhawuleze sizitshintshe.

IBALI 7

Indoda Ekhaliphileyo

Umzekelo kaUEnoki ubonisa ukuba nawe unokukwazi ukwenza okulungileyo, nokuba ukunye nabantu abenza izinto ezimbi.

IBALI 8

Izigebenga Emhlabeni

KwiGenesis isahluko 6 sixelelwa ngezigebenga ezazibenza izinto ezibuhlungu abantu. Ezo zigebenga kwakusithiwa ziiNefili, zazingabantwana beengelosi ezonayo, zemka emazulwini, zaza kuhlala nabantu.

IBALI 9

UNowa Wakha Umkhombe

UNowa nentsapho yakhe basinda kuMkhukula kuba bamthobela uThixo, kodwa abanye abazange bammamele.

IBALI 10

UMkhukula Omkhulu

Abantu babemhleka uNowa xa ebalumkisa. Kodwa yaphela intsini xa bebona imvula enkulu isihla ivela ezulwini! Funda indlela umkhombe owamsindisa ngayo uNowa, intsapho yakhe nezilwanyana ezininzi