Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 1

UThixo Uqalisa Ukudala

UThixo Uqalisa Ukudala

ZONKE izinto ezintle zenziwe nguThixo. Wenza ilanga ukuze kukhanye emini, nenyanga neenkwenkwezi ukuze kukhanye ebusuku. Yaye uThixo wasenzela umhlaba ukuze siphile kuwo.

Kodwa ilanga, inyanga, iinkwenkwezi nomhlaba yayingezozinto zokuqala ezenziwa nguThixo. Uyayazi na into awaqala wayenza? Kuqala uThixo wenza abantu abanjengaye. Asinakubabona aba bantu, njengokuba singenakumbona uThixo. EBhayibhileni aba bantu kuthiwa ziingelosi. UThixo wazenza iingelosi ukuze ziphile naye ezulwini.

Ingelosi yokuqala eyenziwa nguThixo yayikhetheke kakhulu. YayinguNyana kaThixo olizibulo, yaye yasebenza noYise. Yanceda uThixo ukwenza zonke ezinye izinto. Yanceda uThixo ukwenza ilanga, inyanga, iinkwenkwezi kwanomhlaba wethu.

Wawunjani umhlaba ngoko? Ekuqaleni akukho mntu wayenokuphila emhlabeni. Kuphela kwakukho ulwandle olukhulu olunye lwamanzi phezu komhlaba wonke. Kodwa uThixo wayefuna abantu baphile emhlabeni. Ngoko waqalisa ukusilungiselela. Wenza ntoni?

Kaloku, kuqala emhlabeni kwakufuneka ukukhanya. Ngoko uThixo wenza ukukhanya okuphuma elangeni kukhanyise emhlabeni. Wenza ukuba kubekho ubusuku nemini. Kamva uThixo wabangela ukuba kuvele umhlaba ngaphezu kwamanzi olwandle.

Kuqala kwakungekho nto emhlabeni. Wawunjengalo mfanekiso uwubona apha. Kwakungekho zintyatyambo, mithi, okanye zilwanyana. Kwakungekho neentlanzi ezi kwiilwandle. UThixo wayenomsebenzi omninzi wokwenza umhlaba ube mhle ngokwenene ukuze kuphile izilwanyana nabantu kuwo.