Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 2

Umyezo Omhle

Umyezo Omhle

KHAWUJONGE lo mhlaba! Zintle kunene zonke izinto! Jonga ingca nemithi, iintyatyambo nazo zonke izilwanyana. Ungayalatha na indlovu neengonyama?

Wabakho njani lo myezo mhle kangaka? Masibone indlela uThixo awasilungiselela ngayo umhlaba.

Kuqala, uThixo wenza ingca eluhlaza ukugubungela umhlaba owomileyo. Emva koko wenza zonke iintlobo zezityalo ezincinane, amatyholo kwanemithi. Ezi zinto zikhulayo zinceda ekuwenzeni mhle umhlaba. Kodwa zenza okungakumbi kunoko. Uninzi lwazo zikwakukutya okumnandi kuthi.

Kamva uThixo wenza iintlanzi ezidada emanzini neentaka ezibhabhayo. Wenza izinja, iikati, namahashe; izilwanyana ezikhulu nezincinane. Ziziphi izilwanyana ezihlala kufutshane nakowenu? Asimele ukuvuya na kuba uThixo wasenzela zonke ezi zinto?

Ekugqibeleni, uThixo wenza elinye icala lomhlaba layindawo ekhethekileyo. Le ndawo wathi ngumyezo wase-Eden. Yayigqibelele. Konke okukuyo kwakukuhle. Yaye uThixo wayefuna ukuba wonke umhlaba ube njengalo myezo mhle wayewenzile.

Kodwa khawuphinde uwujonge lo mfanekiso walo myezo. Ngaba uyayazi into eyabonwa nguThixo ukuba ayikho? Makhe sibone.