Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 3

Indoda Nomfazi Bokuqala

Indoda Nomfazi Bokuqala

YINTONI eyahlukileyo kulo mfanekiso? Ewe, ngabantu abakuwo. Yindoda nomfazi bokuqala. Benziwa ngubani? NguThixo. Uyalazi na igama lakhe? NguYehova. Yaye indoda nomfazi babizwa ngokuthi nguAdam noEva.

UYehova uThixo wamenza ngale ndlela uAdam. Wathabatha uthuli emhlabeni waza ngalo wabumba umzimba ofezekileyo, umzimba womntu. Emva koko waphefumlela empumlweni yomntu, waza uAdam wadla ubomi.

UYehova uThixo wamnika umsebenzi uAdam. Waxelela uAdam ukuba makazithiye amagama zonke iintlobo ezahlukeneyo zezilwanyana. Kusenokwenzeka ukuba uAdam wazibukela ixesha elide izilwanyana ukuze zonke azithiye ngawona magama azifaneleyo. Ngoxa uAdam wayethiya izilwanyana waqalisa ukubona into ethile. Ngaba uyazi ukuba wabona ntoni?

Zonke izilwanyana zazinamaqabane. Kwakukho iindlovu eziziinkunzi neziziimazi, neengonyama eziziinkunzi neziziimazi. Kodwa uAdam wayengenalo iqabane lakhe. Ngoko uYehova wamlalisa yoyi uAdam, wathabatha ubambo kuye. Esebenzisa olu bambo, uYehova wamenzela umfazi uAdam.

Wavuya kunene uAdam ngoku! Yaye cinga uvuyo lukaEva ekubekweni kwakhe ukuba aphile kumyezo onjalo ukuba mhle! Ngoku babenokuba nabantwana baze baphile kunye elonwabeni.

UYehova wayefuna ukuba uAdam noEva baphile ngonaphakade. Wayefuna benze umhlaba wonke ube mhle njengomyezo wase-Eden. Bamele ukuba bavuya gqitha xa becinga ngokwenza oku! Wawunokuthanda na wena ukuba nesabelo ekwenzeni umhlaba ube ngumyezo omhle? Kodwa ulonwabo luka-Adam noEva aluzange luhlale lukho. Masifumanise isizathu.