Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 4

Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo

Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo

BONA okwenzekayo ngoku. UAdam noEva bayagxothwa emyezweni omhle wase-Eden. Ngaba uyasazi isizathu?

Kungenxa yokuba benza into embi kunene. Yaye ke uYehova uyabohlwaya. Ngaba uyayazi into embi eyenziwa nguAdam noEva?

Benza into uThixo awayebaxelele ukuba bangayenzi. UThixo wathi bangadla emithini yomyezo. Kodwa uThixo wathi ze bangadli komnye umthi, kungenjalo baya kufa. Lo mthi wazigcinela wona. Yaye siyazi ukuba kuphosakele ukuthabatha into yomnye, akunjalo na? Kwenzeka ntoni?

Kwathi ngenye imini uEva eyedwa emyezweni, inyoka yathetha naye. Khawucinge ngaloo nto! Yathi uEva makatye kwisiqhamo somthi awayethe uThixo ze bangadli kuwo. Xa uYehova wenza iinyoka akazange azenze zikwazi ukuthetha. Ngoko le nto ithetha ukuba mntu wumbi wayethetha ngenyoka. Wayengubani?

YayingengoAdam. Ngoko kumele ukuba yayingomnye wabantu uYehova awayebenze kwakudala ngaphambi kokwenza umhlaba. Abo bantu ziingelosi, yaye asinakuzibona. Yona le ngelosi yaba nekratshi gqitha. Yayifuna ukuba ngumlawuli njengoThixo. Yayifuna abantu bathobele yona kunoYehova. Yile ngelosi eyenza inyoka yathetha.

Le ngelosi yakwazi ukumkhohlisa uEva. Xa yamxelelayo ukuba woba njengoThixo ukuba usityile isiqhamo, wakholwa. Ngoko watya, waza watya noAdam. UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, ngoko balahlekelwa likhaya labo elingumyezo omhle.

Kodwa ngamhla uthile uThixo uza kwenza ukuba umhlaba wonke wenziwe mhle njengomyezo wase-Eden. Kamva siza kufunda indlela nawe ongaba nesabelo ngayo ekuwenzeni ube njalo. Kodwa ngoku, makhe sifumanise okwehlela uAdam noEva.