Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 5

Kuqalisa Ubomi Obunzima

Kuqalisa Ubomi Obunzima

NGAPHANDLE komyezo wase-Eden, uAdam noEva baba neengxaki ezininzi. Kwafuneka bekusebenzele nzima ukutya kwabo. Kunokuba kukhule imithi yeziqhamo emihle, babona kukhula ameva nenkunzane kufutshane nabo. Kwenzeka le nto ngenxa yokuba uAdam noEva abazange bamthobele uThixo, yaye bayeka ukuba ngabahlobo bakhe.

Kodwa okubi ngakumbi kunoko, uAdam noEva baqalisa ukufa. Khumbula, uThixo wabalumkisa esithi baya kufa ukuba batyile kwisiqhamo somthi othile. Baqalisa ukufa kanye ngomhla abatya ngawo. Hayi indlela ekwakububudenge ngayo ukungamphulaphuli kwabo uThixo!

Bonke abantwana baka-Adam noEva bazalwa emva kokuba uThixo ebagxothile abazali babo kumyezo wase-Eden. Oku kuthetha ukuba nabantwana babeya kwaluphala baze bafe.

Ukuba nje uAdam noEva babemthobele uYehova, babeya konwaba bona nabantwana babo. Bonke babeya kuphila ngolonwabo ngonaphakade emhlabeni. Akukho mntu kwakuya kufuneka aluphale, agule aze afe.

UThixo ufuna abantu baphile ngonaphakade bonwabile, yaye uthembisa ukuba ngamhla uthile kuya kuba njalo. Awuyi kuba mhle nje wonke umhlaba, kodwa bonke abantu baya kuba sempilweni. Bonke abantu abasemhlabeni baya kuba ngabahlobo yaye baya kuba ngabahlobo bakaThixo.

Kodwa uEva wayengasenguye umhlobo kaThixo. Ngoko xa wazala abantwana bakhe akuzange kube lula. Waba neentlungu. Ukungamthobeli uYehova ngokuqinisekileyo kwambangela intlungu, uthini wena?

UAdam noEva babenoonyana neentombi ezininzi. Ekuzalweni kwezibulo labo, balithiya igama elinguKayin. Unyana wabo wesibini bathi nguAbheli. Kwenzeka ntoni kubo? Ngaba uyazi?