Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 6

Unyana Olungileyo, Nombi

Unyana Olungileyo, Nombi

KHANGELA uKayin noAbheli ngoku. Bobabini bakhulile. UKayin ungumlimi. Ulima iziqhamo nemifuno.

UAbheli ungumalusi wezimvu. Uyakuthanda ukunyamekela amatakane. Ayakhula abe zizimvu, yaye kungekudala uAbheli unomhlambi wezimvu awalusayo.

Ngamhla uthile uKayin noAbheli bazisa isipho kuThixo. UKayin uzisa ukutya abekulimile. UAbheli uzisa eyona mvu intle. UYehova uyakholiswa nguAbheli nasisipho sakhe. Kodwa akakholiswa nguKayin nasisipho sakhe. Ngaba uyasazi isizathu?

Akukho ngenxa yokuba isipho sika-Abheli sibhetele kunesikaKayin. Kungokuba uAbheli yindoda elungileyo. Uyamthanda uYehova nomkhuluwa wakhe. Kodwa uKayin mbi; akamthandi umninawa wakhe.

Ngoko uThixo uxelela uKayin ukuba aziguqule iindlela zakhe. Kodwa uKayin akaphulaphuli. Unomsindo kuba uThixo ethande uAbheli ngakumbi. Ngoko uKayin uthi kuAbheli, ‘Masiye emasimini.’ Apho, bebodwa, uKayin uyambetha umninawa wakhe uAbheli. Umbetha ngamandla aze ambulale. Yayingeyonto yoyikekayo na le yenziwa nguKayin?

Nakubeni uAbheli wafayo, uThixo usamkhumbula. UAbheli wayelungile, yaye uYehova akakhe amlibale umntu onjalo. Ngoko ngamhla uthile uYehova uThixo uya kumbuyisela ebomini uAbheli. Ngelo xesha uAbheli akanakuphinda afe. Uya kuphila apha emhlabeni ngonaphakade. Akuyi kuba yinto entle na ukwazi abantu abanjengoAbheli?

Kodwa uThixo akakholiswa ngabantu abanjengoKayin. Ngoko akuba uKayin embulele umninawa wakhe, uThixo wamohlwaya ngokumthumela kude nentsapho yakowabo. Xa uKayin wemkayo ukuya kuhlala kwenye indawo yomhlaba, wemka nomnye woodade wabo, waza wangumkakhe.

Ekuhambeni kwexesha uKayin nomkakhe baba nabantwana. Abanye oonyana neentombi zika-Adam noEva zatshata, zaza zaba nabantwana. Ngokukhawuleza kwabakho abantu abaninzi emhlabeni. Makhe sifunde ngabathile babo.