Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 7

Indoda Ekhaliphileyo

Indoda Ekhaliphileyo

NJENGOKUBA inani labantu laqalisa ukwanda emhlabeni, inkoliso yabo yenza izinto ezimbi njengoKayin. Kodwa enye indoda yayahlukile. Yile ndoda uyibona apha egama linguEnoki. UEnoki wayeyindoda ekhaliphileyo. Bonke abantu awayehlala nabo babesenza izinto ezimbi gqitha, kodwa sekunjalo uEnoki wahlala ekhonza uThixo.

Uyasazi na isizathu sokuba abantu belo xesha benze izinto ezininzi ezimbi? Khawucinge, Ngubani owabangela uAdam noEva bangamthobeli uThixo baze batye isiqhamo awayethe uThixo ze bangasidli? Ewe, yayiyingelosi engendawo. IBhayibhile ithi nguSathana. Yaye uzama ukubangela wonk’ ubani enze izinto ezimbi.

Ngenye imini uYehova uThixo wathi uEnoki makaxelele abantu into ababengathandi ukuyiva. Wathi: ‘Ngamhla uthile uThixo uza kubatshabalalisa bonke abantu ababi.’ Kusenokwenzeka ukuba abantu bacaphuka bakuyiva le nto. Mhlawumbi bazama nokumbulala uEnoki. Ngoko uEnoki kwafuneka akhaliphe ukuze axelele abantu okwakuza kwenziwa nguThixo.

UThixo akamvumelanga uEnoki aphile ixesha elide phakathi kwabo bantu babesenza izinto ezimbi. UEnoki waphila ama-365 eminyaka kuphela. Kutheni sisithi “ama-365 eminyaka kuphela”? Kuba ngaloo mihla abantu babomelele ngakumbi kunangoku yaye babephila ixesha elide. Yena unyana kaEnoki uMethusela waphila wada wanama-969 eminyaka!

Wathi akufa uEnoki, abantu benza izinto ezimbi ngakumbi. IBhayibhile ithi ‘zonke iingcinga zabo zaba bububi bodwa imihla yonke,’ yaye ‘umhlaba wazaliswa lugonyamelo.’

Uyasazi na esinye sezizathu zenkathazo engako emhlabeni ngaloo mihla? Kungokuba uSathana wayenendlela entsha yokubangela abantu benze izinto ezimbi. Siza kufunda ngayo kwibali elilandelayo.