Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 10

UMkhukula Omkhulu

UMkhukula Omkhulu

NGAPHANDLE emkhombeni, abantu babeziphilela ubomi babo njengangaphambili. Nangoku babengakholelwa ukuba uMkhukula uyeza. Kunokwenzeka ukuba bahleka ngakumbi. Kodwa kungekudala bayeka ukuhleka.

Ngequbuliso kwehla amanzi. Ehla evela esibhakabhakeni njengaxa uchitha amanzi ase-emeleni. UNowa wayenyanisile! Kodwa ngoku laliselidlulile ixesha lokuba nabani na angene emkhombeni. Ucango lwaluvalwe gingci nguYehova.

Kungekudala wonk’ umhlaba wagutyungelwa ngamanzi. Amanzi aba njengemilambo emikhulu. Awisa imithi aqengqa namatye amakhulu, yaye abangela ingxolo enkulu. Abantu babesoyika. Bakhwela ezindulini eziphakamileyo. Kwowu, hayi indlela abakunqwenela ngayo ukuba ngebabemphulaphule uNowa baza bangena emkhombeni xa umnyango wawusabavulekele! Kodwa ngoku babeshiywe lixesha.

Amanzi aphakama ngokuphakama. Amanzi ehla esibhakabhakeni iintsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40. Enyukela ezintabeni, yaye kungekudala agubungela nezona ntaba ziphakamileyo. Kanye njengokuba uThixo wayetshilo, bonke abantu nezilwanyana ezingaphandle komkhombe zafa. Kodwa wonk’ ubani ongaphakathi wayenqabisekile.

UNowa noonyana bakhe babenze umsebenzi omhle ekwakheni umkhombe. Amanzi awuphakamisa waza wadada ngaphezulu. Kwathi ngenye imini, yakuyeka ukuna imvula, laqalisa ukukhanyisa ilanga. Onjani wona umbono! Yayilulwandle nje olukhulu kuyo yonk’ indawo. Into eyayibonakala ngumkhombe owawudada ngaphezulu.

Izigebenga zazingasekho. Zazingenakufunyanwa ndawo ukuba zenzakalise abantu. Zazife zonke, kunye noonina kwanabanye abantu abangendawo. Kodwa kwenzeka ntoni kooyise?

Ooyise bezigebenga babengengobantu bokwenyama ngokwenene njengathi. Babeziingelosi ezehlayo zifuna ukuphila njengabantu emhlabeni. Ngoko ekufikeni koMkhukula, azizange zife nabanye abantu. Zayeka ukusebenzisa imizimba yenyama ezaziyenzile, zaza zabuyela ezulwini njengeengelosi. Kodwa azivunyelwanga ukuba yinxalenye yentsapho yeengelosi zikaThixo. Ngoko zaba ziingelosi zikaSathana. EBhayibhileni kuthiwa ziidemon.

Ngoku uThixo wenza kwabhudla umoya, aza amanzi kanogumbe aqalisa ukwehla. Iinyanga ezintlanu kamva umkhombe wahlala encotsheni yentaba. Kwadlula iintsuku ezininzi, yaye abangaphakathi emkhombeni babenokukhangela ngaphandle baze babone iincopho zeentaba. Amanzi ehla ngokwehla.

Wathi ke uNowa wakhupha emkhombeni intaka emnyama ekuthiwa lihlungulu. Yayibhabha imke okomzuzwana ize ibuye, kuba yayingayifumani ndawo enomhlaba owomileyo. Yayimana isenza le nto yaye xa ibuya, yayingena emkhombeni.

UNowa wafuna ukubona enoba amanzi awuthile na emhlabeni, ngoko wathumela ihobe. Kodwa nalo ihobe labuya kuba alifumananga ndawo yokuhlala. UNowa walithumela okwesibini, laza labuya linegqabi lomnquma emlonyeni walo. Ngaloo ndlela uNowa wazi ukuba amanzi ehlile. UNowa walithumela okwesithathu ihobe, laza ekugqibeleni lafumana indawo eyomileyo yokuhlala.

Ngoku uThixo wathetha kuNowa. Wathi: ‘Phuma emkhombeni. Phuma nentsapho yakho yonke kwanezilwanyana.’ Babengaphakathi emkhombeni ngaphezu konyaka. Ngoko sinokuluthelekelela ulonwabo lwabo bonke ukubuya babe ngaphandle bephilile!