Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 2

UMkhukula Kuse Ekukhululweni EYiputa

UMkhukula Kuse Ekukhululweni EYiputa

Ngabantu abasibhozo kuphela abasindayo kuMkhukula kodwa ekuhambeni kwexesha banda bangamawaka amaninzi. Kwaza ke kwiminyaka engama-352 emva koMkhukula, kwazalwa uAbraham. Siza kufunda indlela uThixo awasigcina ngayo isithembiso sakhe ngokunika uAbraham unyana ogama linguIsake. Kwathi ke, koonyana ababini bakaIsake, uThixo wanyula uYakobi.

UYakobi waba nentsapho enkulu yoonyana abali-12 kwaneentombi. Oonyana abali-l0 bakaYakobi babemthiyile umninawa wabo uYosefu baza bamthengisa ebukhobokeni eYiputa. Kamva, uYosefu waba ngumlawuli omkhulu eYiputa. Ekufikeni kwendlala eyoyikekayo, uYosefu wabalinga abakhuluwa bakhe ukuze abone ukuba baguqukile kusini na. Ekugqibeleni, intsapho kaYakobi yonke, amaSirayeli, yafudukela eYiputa. Oku kwenzeka kwiminyaka engama-290 emva kokuzalwa kuka-Abraham.

Kwiminyaka elandelayo engama-215 amaSirayeli ahlala eYiputa. Emva kokufa kukaYosefu, aba ngamakhoboka. Ekuhambeni kwexesha, kwazalwa uMoses, yaye uThixo wamsebenzisa ukukhulula amaSirayeli eYiputa. Lilonke, kwiCandelo LESIBINI kugutyungelwa iminyaka yembali engama-857.

 

KWELI CANDELO

IBALI 11

Umnyama Wokuqala

Umele ukhumbule ntoni xa ubona umnyama?

IBALI 12

Abantu Bakha Inqaba Enkulu

UThixo zange ayithande le nto, abantu basaphila ngendlela awabohlwaya ngayo nanamhlanje.

IBALI 13

UAbraham​—Umhlobo KaThixo

Kwakutheni ukuze uAbraham ashiye umzi wakhe awayephila kamnandi kuwo aze aye kuphila ezintenteni?

IBALI 14

UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham

Kwakutheni ukuze uThixo acele uAbraham ukuba anikele ngoIsake?

IBALI 15

UmkaLote Wakhangela Ngemva

Sifunda isifundo esibalulekileyo kwinto awayenzayo.

IBALI 16

UIsake Ufumana Umfazi Olungileyo

Yintoni eyabangela ukuba uRebheka abe ngumfazi ofanelekileyo? Bubuhle bakhe, okanye yenye into?

IBALI 17

Amawele Ahlukileyo

Uyise uIsake wayethanda uEsawu ngaphezu koYakobi, yena unina wayethanda uYakobi.

IBALI 18

UYakobi Uya KwaHaran

UYakobi waqala watshata noLeya nangona wayethanda uRakeli.

IBALI 19

Intsapho Enkulu KaYakobi

Ngaba izizwe eziyi-12 zakwaSirayeli zabizwa ngamagama oonyana bakaYakobi abayi-12?

IBALI 20

UDina Ungena Enkathazweni

Yonke le nto yabangelwa kukuba neetshomi ezingafanelekanga.

IBALI 21

AbantakwaboYosefu Bamthiyile

Yintoni eyabangela ukuba abanye abantwakwabo bafune ukumbulala?

IBALI 22

UYosefu Ufakwa Entolongweni

Wasiwa entolongweni ngenxa yokuba enze into efanelekileyo.

IBALI 23

Amaphupha KaFaro

Iinkomo eziyi-7 nezikhwebu eziyi-7 zinento ezifana ngayo.

IBALI 24

UYosefu Ulinga Abantakwabo

Wayeza kwazi njani ukuba abasafani nangokuya babemthengisela ukuba ayoba likhoboka?

IBALI 25

Intsapho Ifudukela EYiputa

Kwakutheni ukuze intsapho kaYakobi ibizwe ngokuba ngamaSirayeli endaweni yokuba kuthiwe luhlanga lukaYakobi?

IBALI 26

UYobhi Uyathembeka KuThixo

UYobhi walahlekelwa bubutyebi, wagula, waswelekelwa nangabantwana bakhe. Ngaba uThixo wayemohlwaya?

IBALI 27

Ukumkani Okhohlakeleyo WaseYiputa

Kwakutheni ukuze axelele abantu bakhe ukuba babulale bonke abantwana bamaSirayeli abangamakhwenkwe?

IBALI 28

Ukuhlangulwa Kosana OlunguMoses

Umama kaMoses walufihla usana lwakhe ngoxa umthetho wawusithi bonke abantwana bamaSirayeli abangamakhenkwe mababulawe.

IBALI 29

Isizathu Sokuba UMoses Abaleke

Xa wayeneminyaka eyi-40, uMoses wayecinga ukuba angawasindisa amaSirayeli, kodwa wayengekakulungeli ukwenza loo nto.

IBALI 30

Ityholo Elitshayo

Esebenzisa imimangaliso, uThixo uxelela uMoses ukuba lifikile ixesha lokuba uMoses akhokele amaSirayeli aphume eYiputa.

IBALI 31

UMoses NoAron Baya KuFaro

Kutheni uFaro engammameli uMoses aze akhulule amaSirayeli?

IBALI 32

Izibetho Ezili-10

UThixo wahlisela izibetho eziyi-10 iYiputa, ngenxa yokuba umlawuli wakhona uFaro wayengavumi ukukhulula amaSirayeli.

IBALI 33

Ukuwela ULwandle Olubomvu

UMoses wahlula uLwandle Olubomvu ngamandla kaThixo, AmaSirayeli anqumla kumhlaba owomileyo.