Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 12

Abantu Bakha Inqaba Enkulu

Abantu Bakha Inqaba Enkulu

KWAQENGQELEKA iminyaka emininzi. Oonyana bakaNowa babenabantwana abaninzi. Abantwana babo bakhula baza nabo banabanye abantwana abaninzi. Kungekudala kwabakho abantu abaninzi emhlabeni.

Omnye waba bantu wayengumzukulwana womzukulwana kaNowa ogama linguNimrodi. Wayengumntu ombi owazingela waza wabulala izilwanyana nabantu. UNimrodi wazenza ukumkani waza walawula abanye abantu. UThixo akazange amthande uNimrodi.

Bonke abantu ngelo xesha babethetha ulwimi olunye. UNimrodi wafuna ukubagcina bonke ndawonye ukuze abalawule. Ngaba uyazi ukuba wenza ntoni? Waxelela abantu ukuba bakhe isixeko esinenqaba ephakamileyo. Naba kulo mfanekiso besenza izitena.

UYehova uThixo akazange akholiswe sesi sakhiwo. UThixo wayefuna ukuba abantu baphume kweso sixeko baze basasazeke kuwo wonke umhlaba. Kodwa abantu bathi: ‘Yizani! Masizakhele isixeko nenqaba ephakamileyo encopho yayo ifikelela emazulwini. Siya kuba ngabantu abadumileyo!’ Abantu bafuna ukuba kuzukiswe bona, kungekhona uThixo.

Ngoko uThixo wabayekisa abantu ukwakha inqaba. Uyazi wakwenza njani oku? Ngequbuliso wabangela abantu ukuba bathethe iilwimi ezahlukeneyo, kunokuthetha ulwimi olunye. Abakhi abazange babe sevana. Kungenxa yoko le nto esi sixeko kwathiwa yiBhabheli okanye iBhabhiloni, okuthetha “Isidubedube.”

Abantu baqalisa ukuyishiya iBhabheli. Amaqela abantu awayethetha ulwimi olunye ahamba ukuya kuhlala ndawonye kwezinye iindawo zomhlaba.