Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 13

UAbraham​—Umhlobo KaThixo

UAbraham​—Umhlobo KaThixo

ENYE yeendawo abaya kuzo abantu emva koMkhukula yiUre. Yaba sisixeko esidumileyo esinamakhaya amahle. Kodwa abantu apho babenqula izithixo. Babesenza loo nto naseBhabheli. Abantu baseUre naseBhabheli babengafani noNowa nonyana wakhe uShem, abaqhubeka bekhonza uYehova.

Ekugqibeleni, kwiminyaka engama-350 emva komkhukula, uNowa othembekileyo wafa. Kwaba yiminyaka nje emibini kamva ekwathi indoda oyibona kulo mfanekiso yazalwa. Yayingumntu okhetheke ngokukodwa kuThixo. Igama layo nguAbraham. Wayehlala nentsapho yakhe kweso sixeko saseUre.

Ngenye imini uYehova wathi kuAbraham: ‘Yishiye iUre nezalamane zakho, uye kwilizwe endokubonisa lona.’ Ngaba uAbraham wamthobela uThixo waza wabushiya ngasemva bonke ubunewunewu baseUre? Ewe. Yaye kwakungenxa yokuba uAbraham wayesoloko emthobela uThixo le nto wabizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo.

Bambi kwintsapho ka-Abraham bahamba naye ekumkeni kwakhe eUre. Uyise uTera wahamba naye. Kwanonyana womninawa wakhe uLote wahamba. Yaye kakade ke, nomka-Abraham uSara wahamba. Ekuhambeni kwexesha bonke bafika kwindawo ekuthiwa kukwaHaran, apho wafela khona uTera. Babekude neUre.

Emva kwexeshana uAbraham nendlu yakhe bemka kwaHaran baza bafikela elizweni lakwaKanan. Apho uYehova wathi: ‘Eli lilizwe endiya kulinika abantwana bakho.’ UAbraham wahlala kwaKanan ezintenteni.

UThixo waqalisa ukumnceda uAbraham waza wanemihlambi emikhulu yezimvu nezinye izilwanyana namakhulukhulu abakhonzi. Kodwa yena noSara babengenabo abantwana.

Xa uAbraham wayema-99 eminyaka ubudala, uYehova wathi: ‘Ndikuthembisa ngokuba woba nguyise weentlanga ezininzi.’ Kodwa yayinokwenzeka njani le nto ekubeni uAbraham noSara ngoku babebadala ukuba banganomntwana?