Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 14

UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham

UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham

UYAYIBONA na into eyenziwa nguAbraham apha? Uphethe imela, yaye kubonakala ngathi uza kubulala unyana wakhe. Kutheni esenza le nto nje? Okokuqala, masibone indlela uAbraham noSara abamfumana ngayo unyana wabo.

Khumbula, uThixo wabathembisa ukuba babeya kufumana unyana. Kodwa loo nto yabonakala ingenakwenzeka, kuba uAbraham noSara babebadala gqitha. Noko ke, uAbraham wakholwa ukuba uThixo unokwenza izinto ekubonakala zingenakwenzeka. Ngoko kwenzeka ntoni?

Akuba uThixo enze eso sithembiso, kwadlula unyaka wonke. Kwathi ke, xa uAbraham wayene-100 leminyaka ubudala uSara enama-90 eminyaka ubudala, bafumana umntwana oyinkwenkwe ogama linguIsake. UThixo wayesigcinile isithembiso sakhe!

Kodwa ekukhuleni kukaIsake, uYehova waluvavanya ukholo luka-Abraham. Wambiza: ‘Abraham!’ Waphendula uAbraham: ‘Ndilapha!’ Wathi uThixo: ‘Thabatha unyana wakho, okuphela kwakhe uIsake, uye kwintaba endokubonisa yona. Ekufikeni kwakho apho mbulale unyana wakho uze umnikele kum njengedini.’

Hayi indlela awaba buhlungu ngayo uAbraham ngenxa yaloo mazwi, kuba uAbraham wayemthanda kunene unyana wakhe. Yaye khumbula, uThixo wayethembise ukuba abantwana baka-Abraham babeya kuhlala kwilizwe lakwaKanan. Kodwa yayinokwenzeka njani loo nto ukuba uIsake wayefile? UAbraham wayengakuqondi kakuhle oko, sekunjalo wamthobela uThixo.

Ekufikeni kwakhe entabeni, uAbraham wambopha uIsake wambeka phezu kwesibingelelo. Wathabatha imela ukuze abulale unyana wakhe. Kodwa ngaloo mzuzu ingelosi kaThixo yamemeza: ‘Abraham, Abraham!’ Waphendula uAbraham: ‘Ndilapha!’

‘Musa ukuyenzakalisa inkwenkwe, musa ukuyenza nto,’ utsho uThixo. ‘Ngoku ndiyazi ukuba unokholo kum, kuba akukhange wale nonyana wakho kum, ekuphela kwakhe.’

Olunjani ukuba lukhulu ukholo awayenalo uAbraham kuThixo! Wayekholelwa ukuba akukho nto inokumnqabela uYehova, nokuba uYehova unokumvusa nakwabafileyo uIsake. Kodwa ngokwenene yayingekuko ukuthanda kukaThixo ukuba uAbraham ambulale uIsake. Ngoko uThixo wabangela ukuba igusha ibambeke etyholweni elikufutshane, waza wathi kuAbraham makanikele yona njengedini kunonyana wakhe.