Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 15

UmkaLote Wakhangela Ngemva

UmkaLote Wakhangela Ngemva

ULOTE nentsapho yakhe babehlala kunye noAbraham elizweni lakwaKanan. Ngenye imini uAbraham wathi kuLote: ‘Apha awukho umhlaba owanele yonke imfuyo yethu. Masahlukane. Ukuba uya kweli cala, ke ndoya kwelinye.’

ULote walikhangela ilizwe. Wabona umhlaba omhle kunene welizwe owawunamanzi nengca entle yemfuyo yakhe. Esi yayisiSithili saseYordan. Ngoko uLote wafudukela apho nentsapho nemfuyo yakhe. Ekugqibeleni bazakhela ikhaya esixekweni saseSodom.

Abantu baseSodom babebabi gqitha. Le nto yamphazamisa uLote, kuba wayeyindoda elungileyo. NoThixo waphazamiseka. Ekugqibeleni, uThixo wathumela iingelosi ezimbini ukulumkisa uLote ukuba wayeza kuyitshabalalisa iSodom nesixeko esikufutshane iGomora ngenxa yobubi bazo.

Iingelosi zathi kuLote: ‘Khawuleza! Thabatha umfazi wakho neentombi zakho ezimbini uphume apha!’ ULote nentsapho yakhe babelibazisa ekuphumeni, zaza iingelosi zababamba ngezandla zabakhuphela ngaphandle kwesixeko. Yathi enye ingelosi: ‘Balekelani ubomi benu! Musani ukukhangela emva.’ Balekelani ezintabeni, ukuze ningabulawa.’

ULote neentombi zakhe bathobela baza babaleka ukuphuma eSodom. Abazange beme nomzuzu, yaye abazange bakhangele ngasemva. Kodwa umkaLote akazange athobele. Emva kokuhamba umgama ukusuka eSodom, wema waza wakhangela ngasemva. Ngoko umkaLote waba yintsika yetyuwa. Uyambona na kulo mfanekiso?

Sinokufunda isifundo esihle koku. Kusifundisa ukuba uThixo uyabasindisa abamthobelayo kodwa abangamthobeliyo baya kufa.