Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 16

UIsake Ufumana Umfazi Olungileyo

UIsake Ufumana Umfazi Olungileyo

UYAYAZI na le ntombi ikulo mfanekiso? Igama layo nguRebheka. Yaye ihlangatyezwa nguIsake. Iza kuba ngumfazi wakhe. Yenzeka njani le nto?

Kaloku, uyise kaIsake uAbraham wayemfunela umfazi olungileyo unyana wakhe. Akazange afune uIsake atshate enye yeentombi zamaKanan, kuba aba bantu babenqula izithixo. Ngoko uAbraham wabiza umkhonzi wakhe waza wathi: ‘Ndifuna ubuyele kwizalamane zam kwaHaran uze umfumanele umfazi unyana wam uIsake.’

Kwangoko umkhonzi ka-Abraham wathabatha iinkamela zalishumi waza waqalisa olo hambo lude. Ekusondeleni kwakhe kwindawo ezazihlala kuyo izalamane zika-Abraham, wemisa ngasequleni. Kwakusekutshoneni kwelanga, ixesha lokuba amabhinqa esixeko aye kukha amanzi equleni. Ngoko umkhonzi ka-Abraham wathandaza kuYehova wathi: ‘Ngamana ibhinqa eliya kundikhelela amanzi liseze neenkamela ibe lilo olinyulayo njengomfazi kaIsake.’

Kungekudala weza kukha amanzi uRebheka. Xa umkhonzi wacela amanzi, wamkhelela. Wahamba ke waza wakha amanzi awaneleyo okuseza zonke iinkamela ezinxaniweyo. Yayingumsebenzi onzima lowo kuba iinkamela zisela amanzi amaninzi.

Wathi uRebheka akugqiba ukwenza oku, umkhonzi ka-Abraham wabuza igama likayise. Wabuza nokuba angalalisa na kowabo. Wathi: ‘Ubawo nguBhetuweli, yaye sinayo indawo yokulala.’ Umkhonzi ka-Abraham wayesazi ukuba uBhetuweli wayengunyana womntakwaboAbraham uNahore. Ngoko waguqa ngamadolo waza wambulela uYehova ngokumkhokelela kwizalamane zika-Abraham.

Ngobo busuku umkhonzi ka-Abraham wamxelela uBhetuweli nomntakwaboRebheka uLabhan isizathu sokuza kwakhe. Bobabini bavuma ukuba uRebheka angahamba naye aze atshate noIsake. Wathini uRebheka xa wabuzwayo? Wathi, ‘Ewe,’ wavuma ukuhamba. Kanye ngengomso bathabatha iinkamela baza baqalisa uhambo olude ukubuyela kwaKanan.

Bafika xa kuhlwayo. URebheka wabona indoda ihambahamba emasimini. YayinguIsake. Wakuvuyela ukubona uRebheka. Unina uSara wayesandul’ ukufa nje kwiminyaka emithathu ngaphambili, yaye wayesebuhlungu ngenxa yale nto. Kodwa ngoku uIsake wamthanda kunene uRebheka, waza wonwaba kwakhona.