Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 17

Amawele Ahlukileyo

Amawele Ahlukileyo

AMAKHWENKWE amabini alapha ahluke gqitha, uthini wena? Uyawazi na amagama awo? Le ingumzingeli nguEsawu, yaye le inyamekela izimvu nguYakobi.

UEsawu noYakobi babengoonyana abangamawele bakaIsake noRebheka. Uyise, uIsake, wayemthanda kunene uEsawu, kuba wayekwazi ukuzingela yaye wayeyiphathela ukutya intsapho. Kodwa uRebheka wayethanda uYakobi kakhulu, kuba wayeyinkwenkwe ezolileyo nenoxolo.

Uyisemkhulu uAbraham wayesaphila, yaye sinokuyithelekelela indlela uYakobi awayekuthanda ngayo ukumphulaphula ethetha ngoYehova. Ekugqibeleni uAbraham wafa eneminyaka eli-175 ubudala, xa amawele ayene-15 leminyaka ubudala.

Xa uEsawu wayenama-40 eminyaka ubudala watshata neentombi ezimbini zelizwe lakwaKanan. Le nto yamenza buhlungu uIsake noRebheka, kuba aba bafazi babengamnquli uYehova.

Kwathi ngamhla uthile kwenzeka into eyenza uEsawu wanomsindo kunene kumntakwabo uYakobi. Kwafika ixesha lokuba uIsake asikelele unyana wakhe olizibulo. Ekubeni wayemdala kunoYakobi, uEsawu wayelindele ukuba ifunyanwe nguye le ntsikelelo. Kodwa ngaphambilana uEsawu walithengisa kuYakobi ilungelo lokufumana intsikelelo. Kwakhona, ekuzalweni kwala makhwenkwe mabini uThixo wayethe nguYakobi owayeza kufumana intsikelelo. Yaye kwenzeka ngaloo ndlela. UIsake wasikelela unyana wakhe uYakobi.

Kamva, wathi uEsawu akuva ngale nto waba nomsindo ngoYakobi. Wacaphuka kangangokuba wathi uza kumbulala uYakobi. Wathi uRebheka akuyiva le nto, waba nexhala. Ngoko wathi kwindoda yakhe uIsake: ‘Koba kubi ukuba noYakobi utshata enye yezi ntombi zamaKanan.’

Ngoko uIsake wabiza uYakobi wathi kuye: ‘Musa ukutshata intombi yakwaKanan. Kunoko yiya endlwini kayihlomkhulu uBhetuweli kwaHaran. Tshata enye yeentombi zonyana wakhe uLabhan.’

UYakobi wamphulaphula uyise, waza kwangoko waqalisa uhambo lwakhe olude ukuya kwizalamane zakhe kwaHaran.