Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 20

UDina Ungena Enkathazweni

UDina Ungena Enkathazweni

UYABONA na ukuba uDina utyelela oobani? Utyelele iintombi ezihlala elizweni lakwaKanan. Uya kuyivuyela na le nto uyise uYakobi? Ukunceda ekuphenduleni lo mbuzo, khawukhumbule okwakucingwa nguAbraham noIsake ngeentombi zamaKanan.

Ngaba uAbraham wayefuna ukuba unyana wakhe uIsake atshate intombi yomKanan? Hayi, wayengafuni. Ngaba uIsake noRebheka babefuna ukuba unyana wabo uYakobi atshate intombi yomKanan? Hayi, babengafuni. Uyasazi na isizathu?

Kungokuba aba bantu bakwaKanan babenqula izithixo. Babengengobantu kufanelekileyo ukuba ukhethe kubo umyeni okanye inkosikazi yaye kwakungafanelekanga ukukhetha kubo abahlobo abasenyongweni. Ngoko sinokuqiniseka ukuba uYakobi wayengenakukholiswa kukuba intombi yakhe ibe ngumhlobo wezi ntombi zamaKanan.

Ngokuqinisekileyo, uDina wangena enkathazweni. Uyayibona na laa ndoda ingumKanan isemfanekisweni ijonge uDina? Igama layo nguShekem. Ngenye imini xa uDina wayetyelele, uShekem wamthabatha uDina waza wamnyanzela ukuba alale naye. Le nto yayiphosakele, kuba ngamadoda nabafazi abatshatileyo kuphela abanelungelo lokulala kunye. Le nto imbi yenziwa nguShekem kuDina yakhokelela kwinkathazo enkulu.

Bathi abantakwaboDina bakukuva okwenzekileyo, babhavuma ngumsindo. Ababini kubo, uSimeyon noLevi bacaphuka kangangokuba bathabatha amakrele baza baya esixekweni, bawafikela amadoda engalindelanga. Bona nabantakwabo babulala uShekem nayo yonke into eyindoda. UYakobi waba nomsindo kuba oonyana bakhe benze le nto imbi.

Yaqala njani yonke le nkathazo? Yaqala ngokuba uDina abe ngumhlobo wabantu abangayithobeliyo imithetho kaThixo. Thina asiyi kufuna ukuba nabahlobo abanjalo, uthini wena?