Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 21

AbantakwaboYosefu Bamthiyile

AbantakwaboYosefu Bamthiyile

KHAWUBONE ukuba lusizi nokudakumba kwale nkwenkwe. NguYosefu lo. Abantakwabo basandul’ ukumthengisa kula madoda asendleleni esinge eYiputa. UYosefu uza kwenziwa ikhoboka. Kutheni abakhuluwa bakhe benze le nto imbi kangaka? Kungenxa yokuba bayammonela uYosefu.

Uyise uYakobi wayemthanda kakhulu uYosefu. Wabonisa uthando lwakhe ngokumenzela ingubo entle, ende. Xa abakhuluwa bakhe abali-10 babona indlela uYakobi amthanda ngayo uYosefu, baqalisa ukuba nomona nokumthiya uYosefu. Kodwa kwakukho nesinye isizathu sokuba bamthiye.

UYosefu waphupha amaphupha amabini. Kuwo omabini amaphupha kaYosefu abantakwabo baqubuda kuye. Wathi uYosefu akuxelela abantakwabo ngala maphupha, bamthiya nangakumbi.

Ngoku ngenye imini xa abakhuluwa bakaYosefu babesalusa izimvu zikayise, uYakobi wacela uYosefu ukuba aye kubabona ukuba basaphila na. Xa abantakwaboYosefu bembona esiza, bambi bathi: ‘Masimbulale!’ Kodwa uRubhen, inkulu, uthi: ‘Hayi, ningayenzi loo nto!’ Kunoko, bayambamba uYosefu baze bamphosele emhadini wamanzi owomileyo. Emva koko bahlala phantsi becinga into amabayenze ngaye.

Malunga neli xesha kuvela amaIshmayeli. UYuda uthi kubantakwabo: ‘Masimthengise kumaIshmayeli.’ Yaye bayakwenza oko. Bathengisa uYosefu ngamaqhosha esilivere angama-20. Okunjani kona ukungabi nanceba nokungabi nabubele!

Baya kuthini kuyise abantakwabo? Babulala ibhokhwe baze bayithi nkxu ngokuphindaphindiweyo ingubo kaYosefu egazini lebhokhwe. Emva koko bathabatha ingubo leyo bayise ekhaya kuyise uYakobi baze bathi: ‘Sifumene oku. Khawuyijonge, ubone ukuba asiyongubo kaYosefu na le.’

UYakobi uyabona ukuba yiyo. Udanduluka athi: ‘UYosefu umele ukuba ubulewe lirhamncwa.’ Yaye abantakwaboYosefu bebefuna uyise acinge loo nto. UYakobi ubuhlungu gqitha. Uyalila kangangeentsuku ezininzi. Kodwa uYosefu akafanga. Masibone okumehlelayo kuloo ndawo asiwa kuyo.