Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 23

Amaphupha KaFaro

Amaphupha KaFaro

KUDLULA iminyaka emibini, yaye uYosefu usesentolongweni. Umngcamli umlibele. Kuthi ke ngobunye ubusuku uFaro aphuphe amaphupha amabini angaqhelekanga angawaziyo ukuba athetha ukuthini. Uyambona na elele phayaa? Ngentsasa elandelayo uFaro ubiza izilumko zakhe aze azixelele izinto aziphuphileyo. Kodwa azikwazi ukumxelela intsingiselo yamaphupha akhe.

Ekugqibeleni umngcamli ukhumbula uYosefu. Uthi kuFaro: ‘Xa ndandisentolongweni kwakukho indoda eyayikwazi ukuchaza intsingiselo yamaphupha.’ UFaro uyambiza uYosefu aphume kwangoko entolongweni.

UFaro uxelela uYosefu amaphupha akhe: ‘Ndibone iimazi zeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo, ezintle. Ndaza ke ndabona iimazi ezinqinileyo, zibhitye zingamathambo. Iimazi ezinqinileyo zasuka zazidla zazigqiba ezo zityebileyo.

‘Kwiphupha lam lesibini ndibone izikhwebu ezisixhenxe ezichumileyo, zizihle, ziphuma eludizeni olunye. Emva koko ndabona izikhwebu ezisixhenxe ezingcakachileyo nezitshileyo. Zaza izikhwebu ezingcakachileyo zaziginya izikhwebu ezichumileyo ezisixhenxe.’

UYosefu uthi kuFaro: ‘La maphupha omabini athetha into enye. Iimazi ezityebileyo ezisixhenxe nezikhwebu ezichumileyo ezisixhenxe zithetha iminyaka esixhenxe, yaye iimazi ezinqinileyo ezisixhenxe nezikhwebu ezingcakachileyo ezisixhenxe zithetha eminye iminyaka esixhenxe. Kuya kubakho iminyaka esixhenxe yendyebo eYiputa. Kwandule ke kubekho iminyaka esixhenxe yendlala.’

Ngoku uYosefu uthi kuFaro: ‘Nyula isilumko uze usimisele ukuba siqokelele ukutya ebudeni beminyaka esixhenxe yendyebo. Abantu abayi kulamba ebudeni beminyaka esixhenxe elandelayo yendlala.’

UFaro walithanda eli cebo. Yaye unyula uYosefu ukuba aqokelele ndawonye ukutya aze akugcine. Ngaphandle kukaFaro, uYosefu uba yindoda edume kunene eYiputa.

Kwiminyaka esibhozo kamva, ngexesha lendlala, uYosefu ubona kusiza amadoda athile. Ngaba uyazi ukuba ngoobani? Kaloku, ngabantakwabo abali-10! Uyise uYakobi ubathumele eYiputa kuba bephelelwa kukutya emva ekhaya eKanan. UYosefu uyababona abantakwabo, kodwa bona abamazi. Ngaba uyasazi isizathu? Kungokuba uYosefu ukhule wamdala yaye unxibe ngohlobo olwahlukileyo.

UYosefu ukhumbula ukuba ngoxa wayeseyinkwenkwe waphupha abantakwabo besiza kuqubuda kuye. Uyakhumbula na ufunda ngaloo nto? Ngoko uYosefu uyaqonda ukuba nguThixo omthumele eYiputa, yaye unesizathu sokwenjenjalo. Ucinga ukuba yintoni eyenziwa nguYosefu? Masibone.