Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 25

Intsapho Ifudukela EYiputa

Intsapho Ifudukela EYiputa

UYOSEFU akasakwazi ukuzibamba. Uxelela bonke abakhonzi bakhe ukuba mabaphume endlwini. Xa ekunye nabantakwabo kuphela, uYosefu uyalila. Sinokuyithelekelela nje indlela abothuka ngayo abantakwabo, kuba abazi kuba ulilela ntoni. Ekugqibeleni uthi: ‘NdinguYosefu. Usaphila na ubawo?’

Abantakwabo bothuka bangakwazi nokuthetha. Bayoyika. Kodwa uYosefu uthi: ‘Khanisondele.’ Xa besondela, uthi: ‘NdinguYosefu umntakwenu, enamthengisa eYiputa.’

UYosefu uyaqhubeka ethetha ngobubele: ‘Ningazibek’ ityala kuba nathengisa ngam apha. Okunene nguThixo owandithumela eYiputa ukuze ndisindise ubomi babantu. UFaro undenze umphathi welizwe lonke. Ngoku khawulezani nibuyele kubawo nimxelele oku. Yithini makeze kuhlala apha.’

Emva koko uYosefu uyabawola abantakwabo aze abange bonke. Xa uFaro esiva ukuba kufike abantakwaboYosefu, uthi kuYosefu: ‘Mabathabathe iinqwelo baye kuphuthuma uyise neentsapho zabo baze babuyele apha. Ndiya kubanika owona mhlaba utyebileyo kuyo yonke iYiputa.’

Benjenjalo. Nanko uYosefu edibana noyise ekufikeni kwakhe eYiputa nentsapho yakhe iphela.

Intsapho kaYakobi yayisele inkulu gqitha. Bebonke babengama-70 ekufudukeleni kwabo eYiputa, uYakobi nabantwana bakhe nabazukulwana bakhe. Kodwa kwakukho nabafazi yaye mhlawumbi nezicaka ezininzi. Bonke bahlala eYiputa. Babebizwa ngokuba ngamaSirayeli kuba uThixo walitshintsha igama likaYakobi languSirayeli. AmaSirayeli aba ngabantu abakhethekileyo kuThixo, njengokuba siza kubona kamva.