Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 26

UYobhi Uyathembeka KuThixo

UYobhi Uyathembeka KuThixo

UYAYISIZELA na le ndoda igulayo? Igama layo nguYobhi yaye lo mfazi ngumkayo. Uyayazi na into ayithethayo kuYobhi? ‘Mqalekise uThixo uze ufe.’ Makhe sibone isizathu sokuba ade athethe ngolu hlobo nesizathu sokuba uYobhi abandezeleke kangaka.

UYobhi wayeyindoda ethembekileyo eyayithobela uYehova. Wayehlala kwilizwe laseUtse elingekude eKanan. UYehova wayemthanda kunene uYobhi kodwa kukho umntu owayemthiyile. Ngaba uyazi ukuba ngubani?

NguSathana uMtyholi. Khumbula, uSathana yingelosi embi emthiyileyo uYehova. Wakwazi ukubangela uAdam noEva bangamthobeli uYehova, yaye wacinga ukuba unokubangela nabanye abantu bangamthobeli uYehova. Kodwa ngaba wakwazi ukwenjenjalo? Hayi. Khawucinge ngamadoda kwanabafazi abathembekileyo esifunde ngabo. Bangaphi owakhumbulayo amagama abo?

Emva kokufa kukaYakobi noYosefu eYiputa, uYobhi wayengoyena mntu uthembekileyo kuYehova emhlabeni wonke. UYehova wafuna ukwazisa uSathana ukuba akanakubangela wonk’ ubani abe mbi, ngoko wathi: ‘Khangela uYobhi. Phawula indlela athembeke ngayo kum.’

‘Uthembekile,’ watsho uSathana, ‘ngenxa yokuba uyamsikelela yaye unezinto ezininzi ezintle. Kodwa ukuba uyazihlutha, uya kukuqalekisa.’

Wathi ke uYehova: ‘Zithabathe. Yenza konke okubi okuthandayo kuYobhi. Sobona enoba uya kundiqalekisa na. Qiniseka nje wena ukuba akumbulali.’

Okokuqala, uSathana wabangela ukuba amadoda ebe iinkomo neenkamela zikaYobhi yaye izimvu zakhe zabulawa. Emva koko wabulala oonyana bakhe abali-10 neentombi kwisaqhwithi esikhulu. Emva koko uSathana wathwaxa uYobhi ngesi sifo soyikekayo. UYobhi wabandezeleka kakhulu. Kungenxa yoko le nto umkaYobhi wathi kuye: ‘Mqalekise uThixo uze ufe.’ Kodwa uYobhi akazange ayenze loo nto. Kwakhona, kwafika amadoda amathathu awayezenza abahlobo bakhe aza amxelela ukuba ubephila ubomi obungendawo. Kodwa uYobhi wahlala ethembekile.

Le nto yamvuyisa kunene uYehova, waza kamva wamsikelela uYobhi njengokuba umbona kulo mfanekiso. Wamphilisa kwisifo sakhe. UYobhi waba nabanye abantwana abali-10 abahle, iinkomo, izimvu neenkamela eziphindwe kubini kunezo zangaphambili.

Ngaba uya kusoloko uthembekile kuYehova njengoYobhi? Ukuba kunjalo, uThixo uya kukusikelela nawe. Uya kukwazi ukuphila ngonaphakade xa wonke lo mhlaba uya kwenziwa mhle njengomyezo wase-Eden.